Kubanjwe abazingeli bemikhombe eRhini

Kubanjwe abarhanelwa abathathu abaphakathi kwamashumi amabini anesixhenxe ubudala, ukuya kumashumi amane anesihlanu ngoMgqibelo eRhini.

Ukubanjwa kwabo ngamapolisa ala mmandla kulandela emveni kokuba befunyenwe beneempondo zomkhombe kubo.

Isithethi samapolisa ephondo leMpuma Koloni uColonel Sibongile Soci uthe, okwangoku abanokungqina ukuba aba barhanelwa ikwangabo abazingela imikhombe kula mmandla kuquka nephondo lonke leMpuma Koloni.

Esi sithathu sabarhanelwa kulindeleke ukuba sivele phambi kweenkundla zamatyala aseRhini kungekudala.

Uphando lusaqhuba.