Kubanjwe amadoda aphange inyama nemali

Kubanjwe amadoda amabini ngamapolisa akuGatyane emva kokuba ephange ivenkile ethile bathatha isixa semali esingachazwanga kwakunye nenyama ebingaphakathi kule venkile.

La madoda mabini aphakathi kwamashumi amabini ananye namashumi amabini anesibhozo ubudala, babanjwe ekuqaleni kwale veki kumakhaya abo kwilali yakuNkxankxashe kuGatyana.

Ngokwengxelo yesithethi samapolisa aseGcuwa uKapteni Jackson Manathi, abarhanelwa bakwafunyenwe benompu ongenazimpepha.

“Kutyholwa ngelithi abarhanelwa baphange le venkile ithengisa inyama eqhotsiweyo. Beyiphanga emini emva kwentsimbi yesibini. Oku kwenzeke ngomhla weshumi elinesine ekuqaleni kweveki. Akukhange kubekho mntu wonzakalayo kolu phango,” utshilo uManatha.

Imipu efumaneke kubarhanelwa izakuthathwa iyokuvavanywa ukuba ayikhange isetyenziswe kwimikhuba kusini na ngaphambili kummandla wakuGatyana kwakunye neziphaluka.

Abarhanelwa bazakuvela phambi kweenkundla zamatyala kuGatyane kungekudala emva kophando oluphangaleleyo.

Abarhanelwa bajongene netyala lokuphanga kwakunye nokuba nompu ongenazimpepha.