Kubanjwe ndoda ithile ngomlilo ovutha eKapa

UMasipala wesiXeko saseKapa uqinisekisile ukuba kubanjwe ndoda ithile erhanelwa ngokubabela umlilo otshabalalise izakhiwo eziliqela kwesi sixeko ukusukela ngeCawe.

Othethela isiXeko saseKapa, uJP Smith, uthi bafumene iminxeba eliqela ebisithi kukho abantu abababela ehlathini. “Le minxeba ibixela ukuba kukho abantu abathathu ababonwe bebabela umlilo,” utshilo uSmith.

USmith uthi ngethuba amagosa wabo ezomthetho efika ukuzosabela koku, bafike kukho umhlali obambe enye yaba bantu ekurhaneleka ukuba bababele umlilo. Ekuncwinweni, kutsho uSmith, le ndoda iveze ukuba ibikwela hlathi ukuzama ukunqanda umlilo kodwa kwayona yaphinda yathi yiyo eqale umlilo.

Umlilo otshabalalise izakhiwo zaseKapa kuquka neendawo ezithile eUCT UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Lo mlilo, osavuthayo nangoMvulo, utshabalalise izakhiwo eziliqela eziquka izakhiwo ezithile zeYunivesithi yaseKapa (UCT), Rhodes Memorial restaurant kwanephiko lembali iMostert’s Mill.

Abafundi baseUCT bafudukiselwe kwiindawo zokhuseleko. Abantu abahlala eVredehoek bacelwe ukuba bafuduke ngoMvulo