Ivaliwe iWSU emva kodushe lwabafundi

ISIGQEBA solawulo saseWalter Sisulu University sigqibe ngokuvala zonke iikhampasi zale yunivesithi ngoMvulo kulandela uqhankqalazo lwabafundi olubangele udushe eMthatha apho kutshiswe isithuthi samapolisa.

Isithuthi samapolisa sitshiswe ngabafundi baseWSU eMthatha ngoMvulo UMFANEKISO: FACEBOOK

Uqhankqalazo lwabafundi kwikhampasi iNelson Mandela Drive eMthatha ngentsasa yangoMvulo lubangele udushe emva kobundlongondlongo kwabafundi abagxogxe ze batshisa isithuthi samapolisa sohlobo lweNyala.

Isithuthi samapolisa sitshiswe ngabafundi baseWSU eMthatha ngoMvulo UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Unomji obangela le ngqumbo kukunyanzeliswa kokubhaliswa kwabafundi abanamatyala angekahlawulwa, imibandela emalunga nendawo yokuhlala kwabafundi, ukukhutshwa kweziqinisekiso (certificates) zabafundi kwanesibonelelo seencwadi zokufunda, phakathi kwezinye izinto.

Mayelana nokubhaliswa kwabafundi abanamatyala angekahlawulwa, iWSU ithi kugqitywe ukuba abo bafundi bebexhaswe nguNSFAS ngo2020, ze baselungelweni le nkxaso nakulo nyaka, baza kubhaliswa, banikwe indawo yokuhlala futhi bafumane nezibonelelo.

Kwindawo yokuhlala, apho abafundi baseMthatha bebesithi Iphulo Residence mayingabekelwa abo benza izifundo zobugqirha kuphela, iyunivesithi ithi Iphulo, noxa nje ingazukujonga kuphela abo benza izifundo zobugqirha, kodwa iza kunika ingqwalasela kubafundi abenza izifundo zobugqirha ukuze kuhanjelwane nemiqathango efunwa ngabagunyazisi abachophele umbandela wokujonga ukuthobela imithetho kwale yunivesithi kwizifundo zobugqirha.

Ekukhutshweni kweziqinisekiso (certificates), iWSU ithi ixhomekeke kwimpendulo yeNSFAS. Kwisibonelelo seencwadi, le yunivesithi ithi iza kuhambelana nemiqathango yesebe lemfundo ephakamileyo.

Ingqonyela yaseWSU, uNjingalwazi Rushiella Songca, uyalele ukuba ivale ngentsimbi yesine malanga ngoMvulo le yunivesithi, de kubuye kwaziswe umhla wokuvulwa kwayo. USongca uthi iyunivesithi iza kuqhuba nokufundisa ngezobuxhakaxhaka kuquka nokuthethathethana neenkokheli zabafundi.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za