Kubhaqwe umzimba womfana kuCentane

Kubhaqwe umzimba womfana oselula ngokweminyaka uthe tywa ngasecaleni kwehlathi elibizwa ngokuba yiZondeka Forest elikwi lali yaseTeko Springs kuCentane.

Lo mzimba ubhaqwe ngoMgqibelo kwimpela veki esisuka kuyo, ngobezihambela ngemoto edlula ngobusuku.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa kuCentane uKapteni Jackson Manatha ithi, ixhoba kubonakala ukuba lidutyulwe njengoko lifumaneke linamanxeba eembumbulu kumzimba ongentla.

“Ixhoba eli alaziwa ngabahlali baseTheko xa bekubizwe abantu ukuba bayokufanisa. Sirhanelwa ukuba ixhoba eli lidutyulwe kwenye indawo emva koko lazokunyengezwa ngakwihlathi eli,” utshilo uManatha.

Uchaze ukuba, ixhoba linxibe ibhlulukhwe embala unevi, ihempe emnyama enamabala amhlophe, izihlangu ezimnyama, kwakunye newotshi emnyama ebisesihlahleni.

Kubongozwa uluntu elilahlekelwe ngumntu oneziimpawu ukuba lizokukhangela kwisikhululo samapolisa akuCentane okanye litsalele umnxeba kuWarrant Officer Mnikelo Mlobeli ku: 076 623 8421.

Amapolisa avule ityala lokubulala, nangona kungekabanjwa mntu ngesi siganeko.