Kuduke intwazana iyokulungisa iinwele zayo

Intwazana eneshumi elinesibhozo eduke iyokulungisa iinwele

AMAPOLISA aphantsi phezulu ekhangela intwazana yakuQoboqobo egama linguAndisiwe Zandile Gcilitshana (18) emva  kokuba usapho luthe lavula ityala kuba iintsuku ziqengqeleka engabuyi ekhayeni. 


UGcilitshana uphume kowabo kwilali yakuCata ngomhla wamashumi amabini anesibhozo kwinyanga yoKwindla esithi uyokulungisa iinwele zakhe kumzi olungisa iinwele edolophini kuQoboqobo, kanti kukumgqibelisa kwabo ukumbona abazali bakhe de kube ngoku. 


UGcilitshana kowabo uphume ngentsimbi yeshumi elinanye kusasa.


Ngokwengxelo ebhaliweyo ephuma kwisithethi samapolisa ephondo uKapteni Khaya Tonjeni, intwazana le ikhe yabonwa nakwindawo yentselo eyaziwayo  kwaJeff’s Tavern kwaNU3 eMdantsane ngaseMonti.

Ukugqityelwa kwakhe uGcilitshana benxibe ibhulukhwe emfutshane engwevu ngombala, iteki emhlophe kwakunye nesikipa esimhlophe.

Amapolisa ayabongoza onokuthi abe nolwazi malunga nokuduka kukaGcilitshane ancedise ngokuthi eze ngaphambili okanye atsalele isikhululo samapolisa kuQoboqobo kwezi nombolo 040 658 0205