Kudutyulwe ilungu le-EFF

Kudutyulwe konzakala owasetyhini nolilungu lombutho ophikisayo iEFF ngoLwesithathu ngethuba edlulisa amaphepha ombutho wakhe kwirenki yezithuthi esisedolophini ePolokwane, adize oko amapolisa ala mmandla.

UKapteni Ntobeng Phala wamapolisa uthi, eli lungu liye labalekiselwa esibhedlele nalapho lithe lafumana khona unyango.

UPhala uthi balivulile ityala lokuzama ukubulala, kwaye umrhanelwa uyaziwa ngamapolisa nangona engazukumchaza kwangoku de avele ezinkundleni.

Ilungu lepalamente eLimpopo nokwathethela lo mbutho uJossy Buthane uthi baphoxeke kakhulu bengulo mbutho kuba la mmandla ngowona ungenazixholoxholo zepolitiki.

IPolokwane yindawo kaJulius Malema, nanjengoko wazalelwa khona.