Kuhlaselwe amakhosikazi amabini, enye yabhubha

Kubhubhe inkosikazi yanye, enye ikwimeko embi esibhedlele emva kokuba esi sibini samakhosikazi sithe sahlaselwa kwimizi yawo ngamadoda amabini angaziwayo.

Oku kwenzeke kwilali yaseLower Didima kuKomani ngentseni yangoMvulo kule veki.

La makhosikazi adutyulwe ngokohlukeneyo emizini yawo. Ngokwengxelo ephuma kuKapteni Namhla Mdleleni, la madoda afike kwikhaya lokuqala, apho afike adubula engabuzanga inkosikazi enamashumi amahlanu anesihlanu ubudala nechacha esibhedlele.

Emva koko aphume aya kwikhaya lexhegwazana elinamashumi asixhenxe ubudala, alidubula, neliye labhubha kwangoko kwindawo leyo yexhwayelo.

UMdleleni uthi babalekile ukugqiba kwabo aba barhanelwa.

Uthi unobangela wesi siganeko awukaziwa kwaye usaphandwa ngamapolisa.

UMkomishinala wamaPolisa ePhondweni, uNjengele Liziwe Ntshinga, uthe oku kukhohlakala kwenziwe kula makhosikazi akwamkelekanga.

“Ukuphathwa gadalala kwamanina, abantwana kwakunye nokubulawa kwabo asoze sikuhlekele, sakuhlala sikuthathela ingqalelo. Abenzi bobubi bakuthi badibane nengalo yomthetho kwaye asizuphumla de babe bayabanjwa,” utshilo uNtshinga.

Livuliwe ityala kwaye amapolisa abongoza onokuthi abenolwazi malunga noku azise amapolisa akuKomani okanye akufuphi naye.