Kukhangelwa oonqevu abanobungozi eMthatha!

Latuzana Makhamba

Kukhutshwe isixamali ngamapolisa kukhangelwa abarhanelwa abanobungozi ekukholeleka ukuba ngoongqondongqondo kudushe loonoteksi olusube imiphefumlo yabantu abaninzi eMthatha, lushiya ngasemva unxunguphalo.

Amapolisa ephondo leMpuma Koloni abhengeze ukuba aza kubuyekeza ngemali kulowo unokuthi eze ngaphambili, ancedisane nawo malunga nolwazi lwamadoda amane ekukholeleka ukuba anobungozi, kwaye ngawo angunobangela wodushe olungade luphele kwishishini leeteksi eMthatha.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa ephondo uKapteni Khaya Tonjeni, esi sine nguZola Bishop, Melikhaya Ndaba, Thabile Tshovulana kwakunye noLatuzana Makhamba.

UTonjeni uthi ngokolwazi abathe balufumana, abarhanelwa babonwa kwiindawo ezohlukeneyo ezifana neRhawuti, Rustenburg kwakunye neNtshona Koloni.

Abahlali bayabongozwa ukuba bangasondeli ngokunokwabo kwaba barhanelwa kuba banobungozi kakhulu.

Aba babandakanyeka kudushe loonoteksi eMthatha, Qumbu, Tsolo, Libode kwakunye neNgqeleni. Abanye sele babanjwa kwaye bavela phambi kwenkundla yamatyala.

“Esi sine kukholelwa ukuba sesona sijongene nokuhlasela abacuphi abacupha ngamatyala ayamene neeteksi kwakunye nabo bangamangqina. Ulwazi oluze ngaphambili lwakubayimfihlo.”