Kukhangelwa uLisakhanya Pota!

 

AMAPOLISA aseMdantsane abongoza kuye nabani na onokuba nolwazi malunga nokunyamalala kukaLisakhanya Pota one19 leminyaka ubudala nogqityelwe ngoMvulo phambi kwentsimbi yeshumi elinanye ebusuku, elele kwityotyombe lakhe kwaNU3 eMdantsane.

ULisakhanya uchazwe ngumama wakhe emapoliseni ngoLwesibini kule veki.

Ngokwengxelo ephuma kuCaptain Nkosikho Mzuku ithi umama wexhoba uthi kuvakala ukuba uLisakhanya uxhwilwe yindoda engaziwayo neye yathatha umabonakude kaLisakhanya kweli tyotyombe.

UMzuku uthi owona nobangela wesi sehlo awukaziwa kwaye amapolisa aphanda ngetyala lokuphanga nelokuxhwila.

Lowo unokuba nolwazi ngokunyamalala kukaLisakhanya uyabongozwa atsalele umcuphi wetyala uDetc. Mncedisi Balitafa ku-083 948 5591 okanye ku10111.