Kukhangelwa unoteksi otshelwe yiteksi

AMAPOLISA aseLusikisiki acela uncedo eluntwini ekufuneni uSfiso Rhawuzela (29) olahlekileyo, nongunoteksi osebenza kwirenki yaseLusikisiki.

URhawuzela ugqityelwe ukubonwa ngomhla wamashumi amabini anesine kweyoKwindla 2021.

Isithethi samapolisa aseMpuma Koloni uKapteni Khaya Tonjeni uthi uRhawuzela wabika kumanejala werenki ukuba ufumene ispeshali (indlela oonoteksi abayibiza xa belayishe umntu omnye ocele ukusiwa kowabo).

Esi speshali sasisiya eFlagstaff, ngokokutsho kukaTonjeni. “Akekho umntu owaphinda wambona (lo noteksi) ukusukela ngoko,” utshilo uTonjeni kwimbalelwano.

Amapolisa aqale ukumkhangela uRhawuzela emva kokuba ebikwe njengomntu olahlekileyo. “Imoto awayeyiqhuba yafunyanwa itshe yangqongqa eGogoza ePort Edward, KwaZulu Natal kodwa umqhubi yena zange afumaneke. Akukho zimpawu ezithi inokuba watshela ngaphakathi emotweni,” utshilo uTonjeni.

Ngethuba esiya eFlagstaff, uRhawuzela wayenxibe ibhulukhwe emdaka (brown), ihempe emhlophe kwakunye nezihlangu ezimnyama. Ukubude be1.7 yeemitha kwaye uyakhanya ngokolusu.

“Amapolisa ayaqhuba ngophando lokulahleka (kwakhe). Nabani na ombonileyo okanye onolwazi, ucelwa ukuba aqhakamshelane nomphandi wetyala uConstable Mangqalaza ku 079 161 2012, inombolo yokubika ulwaphulomthetho ethi 08600 10111 okanye isikhululo samapolisa esikufuphi naye,” utshilo uTonjeni.