Kuliwa ukuphathwa gadalala kwamanina nabantwana

Bathi "Phantsi ngokuxhatshazwa kunye nokuphathwa gadalala kwamanina nabantwana!" Umfanekiso ngu: Buziwe Nocuze

Ootitshala kunye nabafundi besikolo samabanga aphantsi iMtyhobo Public Primary kwindawo yaseBheletyu ePort Alfred benze umngcelele osuka kwesisikolo bejikeleza kule ndawo, nanjegoko bebethatha inxaxheba kwiintsuku ezichasene nokuphathwa gadalala kwamanina nabantwana (16 Days of Activism for No Violence against Women & Children ngelasemzini).

Inqununu yesisikolo uMava Booi uthe esona sizathu esenze babamba lo mngcelele kungokuba abahambisani nokuphathwa gadalala kwabantwana namanina kwaye bafuna abantwana besisikolo bayazi ukuba bangathetha nangantoni na engabaphethanga kakuhle. Uqhube wathi, “Ngamanye amaxesha abantwana baphathwa gadalala emakhayeni abo lo nto ibenze bangaqhubi kakuhle esikolweni, ngokuthatha inxaxheba sifuna bayazi ukuba sikhona kwaye sizakubanceda.” 

Watsho esithi abantwana bachitha ixesha elininzi esikolweni ngako luxanduva lwabo ukuqinisekisa ukuba bakhuselekile, kwaye bayakwazi ukohlula kwizinto ezilungileyo kwezingalunganga.

Loka Booi ukwavakalise ukuba bathatha inxaxheba rhoqo ngonyaka nanjengoko kunyaka ozayo beceba ukumema nezinye izikolo zale ndawo kunye nabazali kuba ukukhulisa uxanduva luxanduva lomntu wonke. 

“Siye senze iintetho apho sibafundisa ngezinto ezingalunganga abathi bagagane nazo kwezondawo bahlala kuzo ukuba bazixelele abazali okanye ootitshala.” Nalapho athe abantwana abaphathwa gadalala baye bangaqhubi kakuhle ezifundweni zabo kwaye amaxesha amaninzi kuye kugxekwe ootitshala, yilonto befuna ukuqinisekisa ukuba bayabafundisa abantwana besisikolo.

UZameka Booi olilungu leCommunity Policing Forum (CPF) kunye noSafety Patrol kwesisikolo uthe ukuthatha inxaxheba kwizinto ezifundisayo kuhlala kuluncedo kakhulu kuba abantwana ibenza bakwazi ukohlula kwizinto ezilungileyo nezingalunganga. Uqhube wathi, “Abantwana xa bephethwe gadalala ekuhlaleni okanye kumakhaya abo kuzakuba lula ukuba bathethe ngezizinto kuba bazakube befundisiwe ngazo.” Lo kaBooi umsebenzi wakhe kukuqinisekisa ukuba abantwana abalwi kwaye abangeni naziyobisi kumasango esisikolo.

Omnye wabazali onomntwana ofunda kwesisikolo nobethathe inxaxheba kulo mngcelele uthe uyayazi ukuba abantwana bazakufunda lukhulu kuwo. “Maxa wambi thina bazali siye singakwazi ukubona xa abantwana bethu benengxaki, ikwangootitshala abazibona kuqala ezizinto.” Nalapho athe bayawubulela umsebenzi owenziwa ngootitshala ebantwaneni babo.