Kuliwa utywala eMpuma Koloni!

Ingrid Louw Imifanekiso: BHEKI RADEBE

“Namhlanje sibhoyozela intsebenziswano nebhodi elawula ukuthengiswa kotywala. Isiseko seAware.org kukuqhuba iinkqubo zokunciphisa ukuxhatshazwa kotywala kweli loMzantsi Afrika,” kutsho ingqonyela yombutho ophantsi kweSebe lezeNtlalontle ofundisa ngotywala owaziwa njengeAware.Org, uIngrid Louw.

“Sesifake imali engangezigidi ezingamashumi amabini eerandi kule ntsebenziswano yethu nale bhodi!” uqhube watsho.

Inkqubo zeAware.Org zifundisa ngobungozi bokusela ukhulelwe, ukuqhuba imoto okanye ukuhamba ngeenyawo usele utywala, ukusela ngokugqithisileyo kunye nokuxhatshazwa kotywala ngabantwana abangaphantsi kweshumi elinesibhozo leminyaka.

Kwindibano yesidlo sakusasa ebanjelwe eMonti nevulwe ngusodolophu uXola Phakathi bekukwakho noMphathiswa wezoQoqosho eMpuma Koloni onguOscar Mabuyane, ingqonyela yebhodi elawula ukuthengiswa kotywala uKhanyile Maneli, oosomashishini

namanye amagosa karhulumente. UManeli ugqithise izwi elithi iyamvuyisa le ntsebenziswano nabakwaAware.Org, “ndiqinisekile ukuba iza kusinceda ekulweni lo mkhuba wokuxhatshazwa kotywala. Enye into efunekayo ngabaphandisifundo ngotywala; abantu abaza kukwazi ukusixelela ukuba kufuneka senze ntoni ukulwa lo mkhuba wokusela kakhulu.”

“Kufuneka size neenkqubo eziza kuhlala ithuba elide, hayi izinto zomzuzwana ezigqithayo. Kufuneka size nezinto eza kuyekisa abantwana ukusela,” wongeze watsho uLouw xeshikweni ebalula intsebenziswano yabo nesebe lezeMidlalo, iNkcubeko nezobuGcisa.

Naye, uMabuyane uyamkele le ntsebenziswano, waze wathi thaca amanani obalo abonakalisa ukuba nangona iMpuma Koloni inenani elikhulu lamahlwempu, ikwalelinye lamaphondo aphala phambili ekuthengeni utywala, “imali engangebhiliyoni ezisibhozo iya kwintengiso yotywala kweli phondo.”

Utyityimbisele iindawo zentselo ezithengisela abantwana utywala nezo zivula ubusuku bonke.