Kumiselwa umasipala wesithili iAmathole

Umasipala wesithili sase Amathole uzakubamba indibano yawo yokuqala ngomso emva kokuba kuqhutywe ulonyulo lomasipala ekuqaleni kwalenyanga.Ingxelo yesebe lonxibelelwano kulamasipala ithi oku kukumiselwa kwalomasipala ngokusemthethweni ngenjongo zokuba kuqalwe nomsebenzi kamasipala. Ukumiselwa kwalomasipala kuhambelana nesolotyo lomthetho olawula omasipala iMunicipal Structures Act yonyaka ka 1998.

Umasipala wase Amathole uye kulonyulo lomasipala uqhwalela ngenxa yezityholo ebezilandela usodolophu walomasipala uNomasikizi Khonza obelandelwa zizityholo zobuqhophololo ekunye namagosa athile kumasipala wakhe. 

Oyimanejala walomasipala uChris Mangqangwana kulindeleke ukuba akhokele inqanaba lokuqala kumanqanaba amathu azakulandelwa ngethuba kuzaba kusonyulwa isikhokelo salomasipala. Oomasipala abahlukileyo beli loMzantsi Afrika abaquka neMpuma Koloni bafungise ooceba abatsha,izithethi kuquka nosodolophu abatsha ukusukela embindini weveki ephelileyo. 
Isithethi somasipala wase Chris Hani uThobeka Mqamelo uqinisekise ukuba bazakumisela ngokusesikweni ngomso (23 Agasti) nabo umasipala wesithili sase Chris Hani.”Ngokunyanzelwa ngumthetho olawula ukusebenza komasipala sizakuba sibeka ngokusesikweni isikhokelo sikamasipala wethu,”uthethe oko uMqamelo.