Kukhalinyelwe ukulwa ngezikhundla kwiANC

Umphathiswa wezophuhliso loluntu eMpuma Koloni uNancy Sihlwayi ngoMgqibelo, kwisingcwabo samalungu eANC akwa Malangeni agetyengwe kuTsolo.

Kukhalinyelwe ukukrwempana ngezikhundla phakathi kwamalungu e-ANC kwinkonzo yokugqibela yobesakuba nguceba eMhlontlo nowakwakhe ngoMgqibelo kwilali eMayaluleni kuTsolo.

Oku kulandela emva kokuhlaselwa kubulawe UZolile Malangeni(54) nowakwakhe uNtombovuyo Malangeni (49) kwikhaya labo emva kweveki nje kuvotelwe urhulumente wasekuhlaleni.

Esi sibini sadutyulwa phambi kosapho ngokuhlwa kwiiveki ezimbini ezidlulileyo. Kurhaneleka ukuba isehlo esi sinento yokwenza nokuphakanyiswa kukaZolile njengoSomlomo obezakungena kwibhunga elitsha lomasipala waseMhlontlo.

Umphathiswa wezophuhliso loluntu, uNancy Sihlwayi, nobethetha egameni likaRhulumente weMpuma Koloni uthe: “Kuyakhwankqisa, kusothusa ukubona impalalo gazi ngaphakathi kwi-ANC ingakumbi apha eMhlontlo. Liphalazwa kwangabantu abazibiza ngokuba ngamalungu walo mbutho. Ayisiyiyo le nkululeko yayilwelwa ngamagqala omzabalazo aquka oo-Oliver Tambo. Mawuphele lo mkhwa, onke amalungu athobele umthetho nezigqibo ze-ANC.”

Uqhube wathi: “Asinazo thina iinkokheli ezingoophuma silwe, ezibona kungcono zibulale xa zingafumani izikhundla. Ukuba kanti uZolile ufele isikhundla sikaSomlomo waseMhlontlo, ngubani lo inga anganguSomlomo ongabonwayo yi-ANC? Lowo wenze le nto akanazo iimpawu zobunkokeli kwaye akazukuba nguSomlomo walo masipala. Makahambe ayofunda ipolitiki, abuye azokuxolisa kumbutho ngeli shwangusha. Asinayo indawo yababulali kulo mbutho.” 

Umyalezo wakhe kusapho lakwaMalangeni ubusithi, “Bantwana beli khaya! Sithi ngxe singuRhulumente weli phondo. Ningaqumbi niqalekise, iingqondo zenu zezigxile ekukhuseleni ilifa labazali benu nakwimfundo.”

Usihlalo weNdlu yeeNkosi zemveli eMpuma Koloni, uNkosi Ngangomhlaba Matanzima, uthe ukubulawa kukaZolile kucacisa gca uqhekeko olungaphathi kwi-ANC. Uthe eli lixesha lokuba i-ANC izibhence, ifune undonakele ukuze izikhusele kwiinkokeli ezinjongo isemalini kunokuphihlusa uluntu.

UMatanzima wande ngokushwabula engxengxeza kumathambo amagqala ezopolitiko kwakunye nawosapho lakwaMalangeni ukuba abohlwaye ababulali nabo bonke ababandakanyekayo ekubulaweni kokaMalangeni nowakwakhe.

Isithethi sekhaya uMondli Gungubele uthe: “Sibuhlungu isithwakumbe esehlele olu sapho, ngakumbi xa kusolwa isandla selinye ilungu lombutho ebezinikezele  kuwo.” Uthe belikhaya abazakuba nangqumbo nampindezelo kuba balikhaya elithandazayo kwaye eluwuthembayo umthetho woMzantsi Africa.

Usodolophu woMasipala wese-O.R. Tambo, uNomakhosazana Meth, apho ebexelenga khona okaMlangeni ubachaze abafi njengeenkokeli ebezikhokele ngesidima nezishiye umzekelo omhle ngaphakathi kombutho kula ngingqi.

Yinginginya yabantu egxwala emswaneni neli khaya lakwaMalangeni ngempelaveki.