Kuphandwa ngokubhubha komntu eNgqamakhwe

Kubhubhe umfana onamashumi amabini anesine (24) ubudala kwingozi yemoto eyenzeke ngoMgqibelo emveni kwentsimbi yesibini emini ngakwidolophu yaseNgqamakhwe.

Ingxelo eziphuuma kumapolisa alammandla zithi le ngozi yenzeke ngakwisibhedlele saseNgqamakhwe kwindlela uR409 phakathi kweloli kwakunye nebhaki.

Unobangela wengozi awukaziwa okwangoku, amapolisa alendawo ayaphanda malunga nelityala. Ixhoba eli liye labhubha ngoko nangoko.