Kuqhawule amabanjwa enkundleni yaseZwelitsha!

Amabanjwa amabini aqhawule kwabanda kwinkundla kamantyi eZwelitsha, ngethuba evele enkundleni kamantyi ngomhla wamashumi amabini anesine kule nyanga. 


ULwandile Lolwana noNkosana Mpe baphele emehlweni namagama abo behamba ngebhaki enenombolo-mbhalo wayo othi FPH 048 EC, kutyholwa ukuba axhobile la mabanjwa apho akhoyo. 


La mabanjwa achazwe ukuba anobungozi nanjengoko ebebanjwe ngezityholo zokukhuthuza nokudlwengula. 


Isebe leentolongo kweli limemelela uluntu ukuba luze ngaphambili nolwazi olunokunceda ukuba kubanjwe, kuvalelwe la mabanjwa. Uluntu lukhuthazwa ukuba lukhawulezise lunxibelelane namapolisa akufutshane xa bathe babonwa aba batyholwa.

 

La mabanjwa omabini akwiminyaka ephakathi kwamashumi amathathu kwaye achazwe ukuba axhobile apho akhoyo. Othethe egameni lesebe leentolongo uVuyolwethu Gadu, uthi amapolisa asezithendeni zala mabanjwa ngeenjongo zokuwabuyisela eluvalelweni.