Kusekude engqinibeni ma-Afrika!

Kuhlahlelo lwam lwemidlalo yenqanaba lokuqala kwiNdebe yeHlabathi yebhola ekhatywayo kule nyanga iphelileyo, ndiye ndavakalisa udano ngamaqela amazwe aseAfrika abonakalise ukungazimiseli kwimidlalo yawo.

Kwelo binza ndihlomle kanobom ngokukhubazeka kweengqondo zama-Afrika kangangokuba angaziboni enokukhuphisana kusiphuke izicithi namaqela amanye amazwekazi, ingakumbi loo maqela asuka eYurophu nakumaZantsi eMelika.

Kaloku olu luvo lwam belusukela kudano lokuba onke amaqela aseAfrika ekhutshwe zisuka kule ndebe, kangangokuba akwabikho nelinye kuwo eliye lagqithela kumjikelo olandelayo.

Oku ke ndiye ndakuhlalutya njengokuzijongela phantsi kwamaqela ethu ebhola ekhatywayo nokunika amazwe aseYurophu kakhulu intlonipho, nangona kunganyanzelekanga.

Olona luvo bendiludandalazisa ibilelokuba amaqela ethu anika lawo aseYurophu intlonipho kuba ewathatha njengafanele ukuhlonitshwa nanjengoko esuka kumazwe ayefake izwekazi lethu kwimbandezelo yobukoloniyali.

Ndiye ndalikhupha latsola nelokuba iya kuthi ukuze igqame nkalo zonke iAfrika, sibukhuphe tu ubukoloniyali ezingqondweni zethu, kuzaleke ukuzithemba kuthi njengama-Afrika anamandla nanobungangamsha kuyo nayiphi imeko yentlalo.

Ngokuya iqhubekeka le tumente yebhola ekhatywayo yamazwe ngamazwe, inene amandla eAfrika nobungangamsha bayo buye buvela ngokuvela, kwaye azibonakalisa ngakumbi kumdlalo wamagqibela kankqoyi phakathi kweqela laseFransi nelo laseKroweshiya.

Zidwesha zakuthi, ndithe ndakukhangela iqela laseFransi, nelinabadlali abaninzi abamveli yabo ikwizwekazi lethu iAfrika, ndaneemvakalelo kwaneengcinga eziphikisanayo.

Kwelinye icala, indiphathe emanyeni into yokusetyenziswa kwabadlali baseAfrika lilizwe laseYurophu ngeenjongo zokufezekisa iminqweno yalo.

Kaloku owona mnqweno weFransi kukuba mayiphumelele le ndebe yehlabathi isebenzisa amakhwenkwe eAfrika.

Ngeli lixa la makhwenkwe enyusa izinga leFransi kulo mdlalo webhola ekhatywayo, amazwe akowawo awahambeli kuya phi kulo mdlalo, kwaye nophuhliso lwebhola ekhatywayo lufe amanqe.

Zimbini ke ngoku izinto ezindikhwinisayo. Eyokuqala yeyokuba nanjengoko la makhwenkwe uninzi lwawo lusuka eAfrika, amanye kuwo aceliwe ngamazwe awo emveli eAfrika ukuba adlalele loo mazwe, kodwa ngenxa yokuhlonipha kwawo mhlawumbi izwe laseFransi elalikhonkxe amazwe akowawo ngobukoloniyali, okanye ngenxa yokucinga ukuba amathuba okuziphuhlisa maninzi xa bedlalela iFransi, bakhethe ukudlalela iFransi eyeza ngeenjongo zokuziphuhlisa ngobukoloniyali eAfrika.

Okwesibini, ukuba iFransi ibiyixabisa indima edlalwe ngala makhwenkwe ekuzeni nendebe yehlabathi kwelo laseFransi, ingathi kum bekuya kubonisa intlonipho xa kwale Fransi ibiya kusebenza nomdlali ngamye kwaba baseAfrika, ukuze kusungulwe amaphulo ophuhliso lwezoqoqosho nemidlalo kumazwe emveli abasuka kuwo aba badlali.

Elam lithi, nokuba siyathanda okanye asithandi, ubukoloniyali kungenzeka ukuba busagquba, into kunayo buza ngandlela zimbi ngoku, oku ke kuthethe ukuba kuthi maAfrika, kusekude kakhulu engqinibeni.

Kwelinye icala, apha ngaphakathi kum ikho nendawo ekuthakazeleleyo ukuphumelela kweFransi kule ndebe yehlabathi.

Nokuba ke zidwesha zakuthi amazwe aseYurophu nakumanye amazwekazi awawahloniphi amaAfrika, kangangokuba amanye wawo, kuquka kwale Kroweshiya ibethwe yiFransi, abonakalise ubuhlanga obugqithisileyo kumaAfrika, inkulu into enokufundwa koku kwenziwe liqela laseFransi.

IFransi iye yadela abadlali bemveli bezwe labo, baphela besiya kuba abadlali eAfrika njengamasela angamakoloniyali okanye besiya kucela uncedo kuma-Afrika nanjengoko ama-Afrika ebalasele ngamandla nenzondelelo.

IFransi ilifundisile ihlabathi izihlandlo zade zazibini ukuba ngaphandle kokuba nabadlali abasuka eAfrika, ayanqongophala kakhulu amathuba okuqhuba kakuhle kwindebe yehlabathi.

IFransi ndiyibona njengelizwe eliye lafunda nto kwiBrazil. Kaloku iBrazil lelona qela liyiphumelele kakhulu le ndebe yehlabathi yebhola ekhatywayo, kwaye abona badlali baphambili baninzi eBrazil ngabo bantsundu nendiqinisekileyo ukuba imveli yabo iseAfrika.

Ngaphambili phaya kumnyaka ka1998, iFransi yaphumelela kwale ndebe, nalapho ikhokelwe ngabadlali abamveli iseAfrika nababefana noZinedine Zidane noLilian Thuram.

Mayithethwe phandle mawethu ukuba nakweli ityeli iFransi iphumelele kwale ndebe ngenxa yobungangamsha bama-Afrika afana nala: Pogba omveli iseGuinea; Mbappe omveli iseCameroon naseAlgeria; Kante omveli iseMali; Dembele kwaseMali; Matuidi omveli iseAngola naseCongo; Umtiti waseCameroon; nabanye abaliqela abamveli ikumazwe aseAfrika.

Kucacile ukuba kungekudala, abantwana bomgquba baza kubiwa ngala maxhalanga aseNtshona ukuze abe nokwenza ngcono kule tumente nakwezinye.

Bekuya kuba kuhle xa aba badlali bebebuyele eMbo kumawabo, ukuze neAfrika ifumane ithuba lokuyiphakamisa le ndebe. Ukuba akunakwenzeka njalo, inene kusekude engqinibeni kuwe Azania.