Kusweleke 12 kwiilwandle zaseKapa

EKAPA: KUSWELEKE abantu abalishumi elinesibini kwiilwandle zaseNtshona Koloni kwiholide eziqale kweyoMnga kulo nyaka uphelileyo-kukho nemveku eneveki ezilishumi phakathi kwabo.

Isithethi sogunyaziso-mthetho, uWayne Dyason, uthe olu sana luswelekele ezandleni zikanina ngelixa ebelutyisa kulwandle lwaseMuizenberg ngomhla wokuqala kule nyanga.

“Umama ubalekile wayakufuna i-ambulensi kodwa akakwazanga ukuncedakala umntwana usweleke ngoko,” utshilo.

UDyason uthe kwangale mini kwasweleka indoda yaseSamora Machel eneminyaka engama-20 emva kokutshona kwalapho eMuizenberg.

“Iindadi zahamba zaya kumhlangula wakhutshwa emanzini. Kodwa wasweleka kwangoko,” utshilo.

UDyason uthi kusakhangelwa umzimba wendoda yaseKhayelitsha enama-25 eyazika kulwandle lwaseMonwabisi ngoMvulo.

“Ugqogqo lwendoda yesibini lwachithwa ngenxa yemozulu egquthayo elwandle. Sisalinde umzimba wakhe ukhutshwe lulwandle. Sinabantu abali-12 abatshonayo kwiilwandle zaseKapa ukususela ngomhla wokuqala kweyoMnga,” utshilo.

Kutshone inkwenkwana eneminyaka eli-17 yaseMalmesbury ngoLwesibini kulwandle lwaseMelkbos. UDyason uthi kukholeleka ukuba le nkwenkwana ibiyokudada netshomi yayo.

“Babhaqwe besokola ukuphuma emanzini kunzima. Kukho umntu oye wangena emanzini eyokubahlangula. Ukwazile ukunceda omnye wabo waphuma naye. Uthe xa ebuya ezokuhlangula owesibini wafumanisa ukuba intliziyo yakhe sele ibetha kancinci. Wathathwa wasiwa kwisibhedlele iBlaauwberg Netcare, kodwa bathe befika wabe sele esweleka,” utshilo.

KwangoLwesibini njalo, kusweleke indoda yaseWellington eneminyaka engama-31 emva kokutshona kulwandle iGordon’s Bay.

Umphathi weMetro Police uWayne le Roux, uthi ukuselwa kotywala elwandle kuseyingxaki kwaye kunegalelo ekutshoneni kwabantu. Uthe seboxuthe iilitha ezininzi zotywala neebhotile.