Kuthengiswa abantwana eNgcobo

Abantu beze kumamela umsitho wokuxhobisa uluntu ngolwaphulomthetho lokuthengiswa kwabantwana

Ibutho lophando lamapolisa ooKhetshe (Hawks) negunyabantu lezotshutshiso kunye namapolisa libambisene namasebe aliqela libambe imfundiso eNgcobo ukulumkisa abantu ngentlonti yokuthengiswa kwabantwana kuquka nokuthwalwa.

Iziganeko zokuthwalwa kwamantombazana aselula endiselwe emadodeni amadala zithanda ukwanda kwiindawo zasezilalini.

Umtshutshisi uNolitha Madiba uthi umthetho uza kudlala indima yawo kwabo bathe bafunyanwa benetyala lokuthengisa abanye kunye nabo balala nabantwana abangaphantsi kweminyaka elishumi elinesithandathu babenze abafazi.

Isigwebo kofunyenwe eneli tyala sisuka kwiminyaka elishumi ukuya kwishumi elinesihlanu.

“Sifumanise ukuba abantu bayathengiswa, asuswe kwidolophu yakhe asiwe kwenye ngaphandle kwemvume yakhe, akufika apho athathelwe umnxeba kunye nesazisi sakhe angabi nandlela yokunxulumana nekhaya lakhe,” utsho uMadiba.

Kuvakala ukuba abantu abathengisa abantwana bazingela amaxhoba abo kwiidolophu ezincinane ezingenamathuba maninzi engqesho.

Nanjengoko abafundi begqibile ukubhala iimviwo bazakufuna imisebenzi, le yenye indlela yokuloba amantombazana esetyenziswa ngabantu abathengisa abantu.

UMadiba uthe: “Amantombazana athenjiswa imisebenzi kwezinye iidolophu nakwamanye amazwe kanti kuxelwa ukuthengisa ngomzimba banikwe iziyobisi ukuze bakwazi ukumelana nalo msebenzi.” Uthi abazali nabafundi mabazilumkele izithembiso ezifana nezi.

Ixhoba elineminyaka engamashumi amabini anesithandathu linike ubungqina ngendlela ebuhlungu yokuthengiswa kwakhe kunye nempilo yokuthengisiswa umzimba ngesinyanzelo. “Ndathengiswa eRhawuthini ndithenjiswe ngomsebenzi eNew York, ndafundiswa iziyobisi ndathengisiswa umzimba ndilala namadoda angaphezulu kweshumi ngemini. Uninzi lwamantombazana endandinawo kula ndawo khange abe nethamsanqa lokuphuma besaphila baswelekela phaya,” kutsho ixhoba.

Eli xhoba libongoza abahlali nabazali ukuba babaxhase abantwana babo abathe bazifumana bengamaxhoba entlonti yokuthengiswa, bangacingi ukuba bangabantwana abaziphethe kakubi. Le ntwazana ithi ngoku ijongene nomngeni wokungamkeleki eluntwini.