Kuthiwe huntshu kumalungu esipolisa

Kuwongwe amagosa asibhozo asesipoliseni kwingingqi yaseMount Fletcher.

Ukuwongwa kwawo kulandela emveni kokuba esi sibhozo samapolisa sathi sasebenza ngokuzinikela kulandela ukubanjwa komrhanelwa owayebandakanyeka kuqhekezo olwenzeka kwilali yaseLukholweni eMt Fletcher kwinyanga yoKwindla kulo nyaka.

Eli wonga lala mapolisa liza emva kokubamba abarhanelwa abahlanu ababebhunyule iibhanki besebenzisa amakhadi omgunyathi eMatatiele kwakunye naseThekwini nekwakunzima ukuba babanjwe aba barhanelwa, oku bekwenzeke kwinyanga ephelileyo.

Isithethi samapolisa ala mmandla uKapteni Raphael Motloung uthi la mapolisa aye anikwa esandleni izatifikethi yinkumanda yesikhululo seklasta yamapolisa aseMount Fletcher uColonel Makeke.

UMakeke uthe: “Ndincoma intsebeniswano ephakathi kwala magosa ngomsebenzi abawenzileyo, oku ziinzame zokubakhuthaza kangangoko, kwaye nokwenza umsebenzi omhle kwaye onobunzima kumele bekhuthaziwe, siyazidla ngabo sisesi khululo.”

UMalungisa Hans nonguConstable owaqala ngonyaka ka2005 ukuba lipolisa nongomnye kwabo basibhozo bathe bawongwa ngezatifikethi, uthi oku kungabonakala kukuncinici kodwa oku kubo kuthetha lukhulu.

“Oko ndafika ngo2005 andizanga ndafumana mbasa kwaye kudala ndisebenza nzima. Kodwa ngoku lide lafika nelam ithamsanqa. Ndiyavuya kwaye ndiyabulela kubaphathi ngokuqaphela babone ukuba senza umsebenzi omhle. Oku kuzakuthi kusenze sisebenze nangakummbi kunakuqala,” utshilo uHans.

UMotloung uthe, oku kubonisa ukuba amapolisa aseMatatiele ayasebenza watsho ebakhuthaza esithi mabaqhubeke besenza okuhle.