Kuzakugqogqwa abasebenzisa amanzi ngaphaya komlinganiselo eBhayi!

Usodolophu waseNelson Mandela uAthol Trollip uthi amadama atshile kwelase Bhayi.

Umasipala waseNelson Mandela uthi uzakunyanzeleka ukuba angene umzi nomzi egqogqa abantu abasebenzisa amanzi ngaphezu komlinganiselo, abashiye nezinyanzeliso zokuba bakhe behle kancinane ekusebenziseni amanzi ngokugqithisa.

Lo masipala uvakalise oku ngethuba ebebambe intlanganiso noonondaba kwiholo yesixeko iCity Hall namhlanje.

Okhokela isebe lweziseko nobunjineli kwikomiti yesigqeba sikasodolophu uAnnette Lovemore, uthe ngokukhulu abantu bale ndawo basebenzisana kakuhle nomasipala ngokuphathelene nokusebenzisa amanzi, esithi nangona kunjalo ikho imingqandandana yabantu esahlalele ukuchitha ngaphezu kweelitha ezingaphezu kwekhulu ngenyanga.

“Njengoko uya usihla ngokuhla umthamo wamanzi emadamini ethu, siyanyanzeleka ukuba sibe qatha ukugcina lo mthamo sisenawo. Kuyakuba kubi ngakumbi ukuba singathi singafumani mvula kweziveki zizayo, nto leyo ethetha ukuthi umthamo uyakuhlala uziipesenti eziyi -40 ukuqala kwinyanga kaCanzibe, ” uthethe watsho.

Usodolophu walo masipala uAthol Trollip, yena uthe akukho ndlela- mbini, imithetho engqingqwa inyanzelekile, esithi lo masipala ugquba imbalela, namadama athumela kweli laseBhayi ayasokola nawo, esithi lo mithetho ifanele ukuhlonyelwa zisuka kungaphoziswa maseko kuba imbalela ichaphazela abantu. Uthe mancinci kakhulu amanzi alungele ukusetyenziswa emakhayeni.