Yimidlalo entlobo-ntlobo eXhorha kule Pasika!

Ikhula
Sport Development yaseXhora kulindeleke ukuba isindleke imidlalo entlobo-ntlobo
yepasika ngale mpela veki.

Phakathi
kwalo midlalo kuzakube kukho eyebhola ekhatywayo, ibhola yomnyazi kwakunye
nomdyarho wamahashi.

Ngamaqela
alishumi elinesithandathu azakube ekhuphisana kwibhola ekhatywayo, logama
engamashumi amabini anesibini azakube enyathelana kwibhola yomnyazi.

Amahashe
wona kulindeleke ukuba abengapha kwamashumi amabini azakuthi abaleke kule
midlalo yePasika.

Eli
phephandaba lincokole nomququzeleli wale midlalo uMelinkqubo Ndabokutya ocacise
nangamandwendwe alindelekileyo kule midlalo yepasika.

“Ongusompempe
kwimidlalo yePremier Soccer League, uKhulasande Qongqo, ikumkani yamaXhosa
jikelele, uZwelonke Sigcawu, ikumkani yaseNyandeni, uNdlovuyezwe Ndamase kunye
nosodolophu woMasipala waseMbhashe, uSamkelo Janda bazakuzimasa le midlalo,”
utshilo uNdabokutya

Uthi
le midlalo izakubanjelwa kwibala iMkatazo eXhora iqala ngentsimbi yethoba
kusasa.

“Imidlalo
yethu iza kuqala kusasa ngoMgqibelo kwaye imidlalo yebhola ekhatywayo
izakuqhutyelwa kumabala amane, kuba sifuna imidlalo ikhawuleze,” uqhube watsho
uNdabokutya.

Ibhola
yomnyazi yona uthi unethamba lokuba yeyona izakuba nemidlalo ekhawulezayo
ukodlula eminye imidlalo, njengoko kudlalwa ixesha elincinane kuyo.

La
maqela azakube ekhuphisana, uthi aphuma kwindawo ezahlukeneyo, ezifana
noGatyane, Dutywa, Mthatha kunye nezinye indawo.

Injongo
yokusoloko besindleka le midlalo ngexesha lePasika zinzame zokususa ulutsha
kwindawo ezineziyobisi kwakunye nakwizenzo zolwaphulo mthetho.

“Sayiqaphela
into yokuba ulutsha kwiintsuku zePasika lusebenzisa iziyobisi kakhulu, kuba
lisithi liyazonwabisa kwaye lo nto ikhokelela kwizenzo zolwaphulo mthetho,” utshilo
uNdabokutya.

Ulebele
ngelithi ngokusindleka kwabo le midlalo ngeezintsuku zePasika kuye kubekho
umahluko kwizenzo zolwaphulo mthetho.

Le
midlalo ixhaswe nguMasipala waseMbhashe eDutywa ngokubambisene noosomashishini
basekuhlaleni, kwaye amaqela aqhube kakuhle kulindeleke ukuba agoduke nezigubha
zamabhaso.