Kuzakwakhelwa abangathathi ntweni

Kudizwe iindaba ezimnandi kwiintsapho ezingamashumi amabini anesixhenxe zaseDimbaza eQonce, ezingathathintweni kuquka neziphila nenkubazeko ukuba zizakwakhelwa izindlu, oko kudizwe ngumphathiswa wokuhlaliswa koluntu ephondweni uHelen Sauls-August.

Ezi zindlu zezo zenkqubo engxamisekileyo yeli sebe apho kuye kwakhelwe abo bangathathi ntweni kwaphela nabakwimeko yelungelo lokuba baxhamle.

Inani leentsapho ekufanele zifumane kulo nyaka ziyi 754 kuquka abantu abadala, abaphila nenkubazeko, abantwana abaziintloko zamakhaya kwanamagqala omkhosi.

Ikhontrakha ezizakwakha kule ndawo yaseDimbaza sele iqalile ukujonga umhlaba. Ngokokutsho kwesithethi seli sebe uLwandile Sicwetsha uthi yimali engange R4.4 miliyoni yeerandi ezakusetyenziswa ekwakhiweni kwezi zindlu nalapho, ezinye zizakube zilungiselelwe abo bakhubazekileyo.

“Sele zingapha kwewaka iintsapho esele zixhamlile kule nqkubo yezindlu ukusukela kunyaka ka 2011.”

USauls-August: “ Eli sebe lizakuqhubekeka lisakhela uluntu nakumasipala waseLukhanji, nabanye oomasipala. Sibonile ukuba namanye amaphondo eli loMzantsi Afrika abonele kweli phondo ngezi nkonzo zingundoqo eluntwini.

Bonke oomasipala kulindeleke ukuba baxhamle kwezinye zeenkqubo zokwakhiwa zeli sebe.”

Eli sebe licakace lenjenje: U2% uzakujongana nokwakhelwa abakhubazekileyo, 10% amagqala omkhosi, 10% wabantwana abakhokela amakhaya, 58% kwabo bangazange baxhamla ezindlini.