Lichithiwe ityala lorhanelwa ngokubulala ibhinqa ebencuma nalo

Alenzelwanga bulungisa ixhoba ekukholeleka ukuba libulawe liqabane lalo, kwilali yaseGxulu eLibode ngobusuku bama-26 kweyeNkanga ku-2016.

Umrhanelwa kweli tyala uZwelandile Nofoto waseGxulu, eLibode uphume etshaya kwiNkundla kaMantyi yaseLibode ngoMvulo umhla we-9 kweyomQungu ku-2017 emva kokuchithwa kweli tyala.

Othethela amapolisa aseLibode uKhapteni Dineo Koena uthe ityala ngakuNofoto lichithiwe ngenxa yokungabikho bungqina bumtyabeka kweli tyala, kodwa uphando ngokubhubha kwexhoba lisaqhuba.

UMangwanya waseLusikisiki kwasa eswelekile kwindlu awayehlala kuyo nesinqandamathe sakhe uNofoto eGxulu ngama-27 kweyeNkanga ku-2016.

Emva koko uNofoto wabiza oomakhelwane esithi ubona uMangwanya engashukumi.

Iziphumo zoqhaqho zidize ukuba ixhoba labhubha emva kokuhlatya ngesikhali emilenzeni ukunyuka, laphinda lakhanywa emqaleni alakwazi ukuphefumla.

Kwindawo awayelele kuyo umfi kwafunyanwa izikhonkwane, ihambile nentonga, kwaye kurhanelwa ukuba wabethwa ngehamile elungwini lomlenze kuba umlenze wakhe wawophukile.

Ezi ziphumo zichaza nokuba wayedumbe izandla ekwagcwele negazi emilenzeni.

UNofoto wavuma kubantu ababeyokuvela emva kokubika le ntlekele ukuba wambetha uMangwanya ngentonga emlenzeni, kwaye neziphumo zoqhaqho zifumanise ukophuka namanxeba okuhlatywa emilenzeni, nokukhanywa emqaleni phambi kokuba asweleke uMangwanya.

Ushiya ngasemva abantwana abaquka oonyana bakhe ababini, omnye uneminyaka emine ngelixa omnye eneenyanga ezintlanu.

Ngokokutsho kukaZameka Mrhawushe olilungu lebhodi elawulayo eGxulu, aba bantwana zange bavunywe ngoonontalontle kuba bengena zazisi zokuzalwa. Nonina wabo usweleke engena sazisi sokuzalwa, nto leyo eyenze kwanzima ukubhalisela abantwana bakhe imali yesibonelelo sikarhulumente.

Amapolisa aphanda de awafumana amalungu osapho lukamfi. Ngala malungu athe abathatha ababantwana kwakunye nomzimba kamfi ukuyokuwungcwaba kwikhaya lakhe eLusikisiki.

Isiganeko sokubulawa kukaMangwanya sehle kanye ngexesha ihlabathi jikelele libhiyozela iintsuku ezili-16 kusiliwa nokuhlukunyezwa kwamabhinqa nabantwana.

Eli phulo lenziwa kwihlabathi liphela ukususela ngama-25 kweyeNkanga ukuyokuma ngomhla we-10 kweyoMnga ukuzama ukukhuthaza uluntu ukuba lulwe nokuxhatshazwa kwamanina nabantwana ekuhlaleni.

“Basemngciphekweni ophezulu kakhulu oomama nabantwana abaxhatshazwa ngabantu abahlala nabo,” utshilo uMrawushe.