Lidinga uncedo lokufunda ibanjwa laseMonti

LIKHALELA ukunqongophala koncedo lokwenza imfundo ephakamileyo kwiintolongo zeli ibanjwa elidontsa isigwebo eMonti.

UZihle Ziyeku (21) udontsa isigwebo seminyaka esixhenxe kwintolongo yaseMonti emva kokufunyanwa enetyala lokudlwengula ngonyaka ka2013.

Le ndoda yagwetywa isenza izifundo zenzululwazi kwiYunivesithi iWalter Sisulu.

“Ndenza izifundo zenzululwazi kwizibalo (Bsc Mathemathics) eYunivesithi yoMzantsi Afrika, ingxaki kukungaxhashwa ngezimali ngurhulumente ukuze sikwazi ukugqiba izifundo, sifunda kabuhlungu abazali banoxanduva lokusifundisa ngemali yabo ngoku silapha,”ekhathazekile utshilo uZiyeku.

Bangaphezulu kwamashumi amabini abafundi abangamabanjwa abafunda kwiyunivesithi ezahlukileyo zeli Mpuma Koloni, nabakhala ngonkxaso karhulumente engekhoyo.

UFezile Sipamla ojongene nemicimbi yemidlalo, inkcubeko namathala eencwadi kwisebe leentolongo uyangqina ukuba abawancedi nganto lamabanjwa.

“Uncedo lesebe luphela kuphela kwibanga lematriki aze umntu azibonele ukunyuka. Abanye baye bafumane izibonelelo kwinkampani zabucala,”utshilo uSipamla.

“Iincwadi zokufunda nentlawulo yokungena esikolweni yeyona ngxaki iphambili esidibana nayo minyaka le, kodwa asiyekanga ukuqhubeka nezifundo zethu,” uthethe oko uZiyeku.

Ukwathe abazali bakhe banyanzeleka ukuba abagcine imali bengakwazi konwaba kuba becingela ukuba kufuneka enikwe imali yokubhalisa esikolweni xa kuqala unyaka.

Ukungabikho kwamathala eencwadi asemgangathweni kubangela ukuba kubenzima mpela ukufunda kwabo baseluvalelweni.

“Ziyabaleka intolongo zethu ezinamathala encwadi asemgangathweni, nguMthatha neSt Albans, zezona zixhobe kakuhle kwicala lamathala encwadi, ukungabikho kwawo kwenza kubenzima ukufunda kwabo bavalelweyo bafuna ukufunda,” uthethe watsho uSipamla.

UClaudette Van Zyl ojongene nophuhliso lasezintolongweni uthi ngamabanjwa akwishumi elinethoba lamawaka asezintolongweni zeMpuma Koloni.

“Kwelonani abagwetyiweyo baphaya kwishumi elinesine lamawaka logama abanye besalindele ukubekwa izigwebo zinkundla zomthetho,”uchaze oko uVan Zyl.

UZiyeku uthi ukufunda logama esentolongweni kumnceda ngendlela ezininzi.

“Ndixakeka zincwadi yonke imihla ndisinde kwizinto ezininzi eziqhubeka apha entolongweni,ukuhlala apha kwenza ukuba ndibenexesha elininzi lokufunda, logama ndikwanceda abanye abantu abafunda izifundo ezizalana neziza,” utsho uZiyeku.

Uthi uzimisele ukuphuma entolongweni ancede isizwe ngokusebenza nje ngomphicothi wolwazi ngokusebenzisa ikhompyutha.

“Ingxaki kukuba xa bephuma apha befunde benjalo phantsi kwezomeko zinzima baphuma balinde iminyaka elishumi phambi kokuba kusuke ichaphaza lokuba bazizaphula mthetho,” ucacise watsho uVan Zyl.

Ngonyaka ka2014 ibengamawaka alithoba namakhulu asixhenxe (9700)amabanjwa afundayo kwintolongo zoMzantsi Afrika. Elinani liquka abafunda amabanga asisiseko kwanabo bakwimfundo ephakamileyo.

“Bathanda ukufunda izifundo zomthetho, ubufundisi nezemfundo, zezona bazithanda kakhulu ezo, lo nto yenza ukuba baqale ukusebenza kwalapha entolongweni bengekaphumi ngaphandle,” ulebele ngelo uVan Zyl.