Lingumzekelo ikomkhulu lakwaSandile

Nkosi Welile Jongolo; Nkosi Mthuthuzeli Makinana, Nksk Nokhanyo Sandile, Nkz Nomaxhanti Sandile (usotheko); Ntombizodwa Sandile nezinye iindwendwe ezibalulekileyo eMngqesha

Akuqhelekanga ukubona iiNkosi, iiNkosana neeNkosazana zithweswa izidanga kwiiyunivesithi zeli, kodwa uNomaxhanti Sandile waseMngqesha ube ngumzekelo.

Lo mzukulwana kaKumkani uArchibald Sandile uthweswe isidanga kwiNzululwazi yeNtlalontle kwiYunivesithi yaseFort Hare kuthwesozidanga zalo nyaka.

Obe sisithethi sembeko uNkosi Mthuthuzeli Makinana uthi bayazidla bekwanemincili ngenxa yesi siganeko.

“Sincoma ukunyamezela kule nkosazana ifunda phantsi kweemeko ezinzima ebezisenziwa kuba uyise engasekho ecaleni kwakhe, kodwa phantsi kwezo meko woyisile,” utsho uMakinana.

UNkosi Makinana ukwasebenzise eli thuba ukucacisela loo nginginya ngembali kaKumkani uSandile nobukhosi bamaNdlambe.

“Oku kuthetha ukuba abantwana balapha ebukhosini mabazimisele ekufundeni ukuze balungele ukukhokela isizwe sikaTshawe,” utshilo uMakinana.

Lo kaMakinana ucaphule kwintetho kaNelson Mandela wathi “Ikamva lesizwe ngasinye lixhomekeke kwisakhono seenkokheli zeso sizwe.”

Abantwana basebukhosini njengeenkokheli zangomso kumele ukuba baziphuhlise izakhono zabo ngokufunda ukuze bamelane namaxesha atshintshayo, utshilo uMakinana.

“Uphuhliso lwakho kumele ukuba luqale apha kule ndawo uzalwa kuyo, kufuneka wenze isicwangciso sentlalontle yale ndawo uzalwa kuyo,” ubongoze watsho uMakinana.

UKumkani uArchibald Sandile kuthwa yenye yeenkokheli zesizwe samaTshawe eyayihlala ikhuthaza imfundo nokuziphuhlisa kweeNkosi ezisencinci.

Ukanti uNkosi Ngangomhlaba Mathanzima ngexesha lakhe lokuba ngusihlalo weNdlu yeeNkosi eMpuma Koloni wayehlala ecenga, ekwabongoza iiNkosi, iiNkosazana nabo bonke abakomkhulu ukuba bafunde.

“Xa niziiNkosi ezingafundanga, niza kuthini ukutolika le mithetho nale miqulu ifikayo ivela kwarhulumente, yiNkosi enjani le izakuba itolikelwa izinto ngabanye abantu ngenxa yokuba ingafundanga,” watsho uMathanzima.

Kwimbali yeeNkosi zeli kunqabile ukufumana iiNkosi ezinemfundo enomsila.

Urhulumente wephandle laseTranskei wayezenza iinzame zokukhuthaza imfundo kwiiNkosi nanjengoko zazifundiswa kwisikolo iJongilizwe.