Linobungozi ipolisa eliqhweshe enkundleni

Ipolisa elaxhwila, laqweqwedisa, labetha kwindawo kamatshonisa eseNdondo Square eCala kwinyanga ephelileyo lisanyamalele njengoko lathi labaleka ngoMvulo weveki ephelileyo, ngethuba livela kwinkundla yamatyala eCala malunga nezi zityholo zingentla lityatyekwa zona.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa eli phondo uBrigadier Tembinkosi Kinana, eli polisa, uConstable Mfundo Ntshiba, ufumene ithuba lokuqhwesha ngethuba amapolisa ehambisa amabanjwa esiwa entolongweni eSada, nobengasemva kuloo mabanjwa yena uNtshiba.

UNtshiba ngolu suku saye sakhatywa isicelo sakhe sebheyile yinkundla.

UBrigadier Kinana uthi amatyala ajongene nawo okaNtshiba ongeziwe njengoko kuvulwe ityalwa lokuqhwesha, kwaye kuza kujongwa ukuba uqhweshe njani na.

Abahlali bayabongozwa ukuba xa bembona umrhanelwa bangathethi naye okanye bazame ukumbamba kuba unobungozi, koko batsalele kwangoko isikhululo samapolisa esikufutshane okanye uSajini Unathi Kula kule nombolo: 071 771 3316.

Iqela elikhutshiweyo lamapolisa lisaqhubekeka nokukhangela.