‘Okwenzeke Enyobeni kube sisifundo’

Izikolo zamabanga aphantsi kwilokishi yaseScenery Park, eMonti, kule veki zibambe umngcelele oya ngqo kwisikhululo samapolisa ala mmandla ziyokudlulisa uxwebhu oluqulathe izikhalazo malunga nomba waseNyobeni.

Ezinye zezikhalazo ebeziqulathwe lolu xwebhu kukungavunyelwa kwabantwana bangene ethaveni bengaphantsi kweminyaka, ukunyuswa kwenani lokungena lisuke ku18 liye ku21, ukubonakala kwamapolisa ezitratweni kwanokutshutshiswa kwababandakanyekayo kwisehlo saseNyobeni.

Kwabhubha abantwana abaphakathi kweminyaka eyi13 ukuya ku20 ngenyanga yeSilimela ngethuba babeyokubhiyozela ukugqiba kwabo ukubhala iimviwo zaphakathi enyakeni.

UColonel Nair esamkela uxwebhu lwezikhalazo zabafundi bezikolo ezohlukeneyo kwilokishi yaseScenery Park eMonti.

Abafundi ebebekuloo mngcelele uya esikhululweni samapolisa batsho ngazwilinye besithi bafundile, kwaye sibenze bavula amehlo isehlo saseNyobeni.

UIminathi Qose wesikolo iMbulelo Public School eScenery Park, uthi ize njengesifundo kubo into yaseNyobeni.

“Sisothukile kuba ingekaphumi nangoku kuthi le nto. Sifundile kwesi siganeko kwaye ndikholelwa kwelithi yonke into yenzeka ngesizathu, nathi sakutsho sivule amehlo. Siphulukene neetshomi zethu kabuhlungu, iidesika zabo zishiyeke zingenabantu. Ngoku eyenzeke phaya isifundise sikwazi emasikwenze kwaye nemasingakwenzi. Esele ngoku ndikuthandazela kukude kuvakale unobangela wokubhubha kweetshomi zethu,” utshilo uQose.

Omnye wabafundi eMbulelo Public School, uAnam Qokoqa, uthi ukungabinandawo zokonwaba bengabantwana kula mmandla kungabanegalelo kwesi sehlo.

“Asinandawo zokudlala! Xa abantwana besiya eNyobeni bafumana indawo eza kuthi ibonwabise kuba iyiyo ekhoyo,” utshilo uQokoqa.

UNobhala weHealth Advisory Committee, uMisisi Elele kwisikolo iZwelemfundo Primary eseScenery Park, uthi baphakamile kwaye bachukumiseka kuba ngumfundi wesi kolo sabo lo ibingoyena umncinci ene13 leminyaka kwaba bantwana bathi babhubha kule ndawo yentselo.

“Siye sahlala phantsi sisisikolo ingabingathi akukho nto yenzekileyo esikolweni sethu. Kwaye siye saziva ukuba asiphelelanga sinomfundi osishiyileyo kabuhlungu njengoko ibiyeyethu yodwa iPrimary ebinomfundi okwintlekele yaseNyobeni,” utshilo uElele.

Uqhube wathi bengootitshala ngabo abachitha ixesha elininzi nabantwana ngaphezu kwabazali babo.

“Aba bantwana sibafundisayo sakha ubudlelwane nabo kuba basoloko benathi. Kwaye kule nto yenzekileyo sifunde nto singabazali, singootishala kwaye nabantwana bafundile ukuba ukwenza izinto zabantu abadala ixesha lingekafiki kuyingozi, kwaye into oyenzayo ungumntwana ichaphazela nomzali.”

UElele weleke ngelithi oku kubafundise ukuba baqinise isandla kwizakhono ebantwaneni.

UColonel Nair phambi kwesikhukulo saseScenery Park esamkela olu xwebhu luqulathe izikhalazo, uthe ukuvuyele ukubona abantwana besilwela amalungelo abo.

“Ndiyazidla ngokunibona ninje bafundi. Yenzani njalo nithathe indawo, nikwazi ukohlula okulungileyo nokubi ngobomi benu. Cinga phambi kokuba wenze kwaye nijongane nezifundo zenu,” utshilo uNair.