Linye ikhadi lenkam-nkam, limthubi!

Iqumrhu likaRhulumente elinkinkisha imali yenkamnkam nezibonelelo, iSASSA, inekhadi elitsha elimthubi.

Ikhadi elitsha lilo kuphela abaza kwamkela ngalo abantu abafumana inkamnkam nemali yezibonelelo kuSASSA.

Ukutshintshwa kwekhadi kuza emva kokuba iSASSA ityikitye isivumelwano esitsha nePosi enikwe umsebenzi wokupeyisa abantu oqala kwinyanga yoMsintsi kulo nyaka.

Isithethi seSASSA kwiphondo leMpuma Koloni, uMnu. Luzuko Qina, uxelele I’solezwe lesiXhosa ukuba isivumelwano sikaSASSA noCash Paymaster Services sifikelele esiphelweni.

Nangona inkundla inike iCPS ilungelo lokupeyisa abantu iinyanga ezintandathu – kodwa kwelinye icala uSASSA wayalelwa ukuba aqalise inkqubo yakhe entsha nePost Office kwinyanga yoMsintsi kulo nyaka.

“Sisebenzisa iPost Office ngoku xa sihlawula imali yezibonelelo nenkamnkam. Akukho nto intsha ke eyenziwayo ngaphandle kweli khadi litsha. Nangona kukho ikhadi elitsha – kodwa umntu ofuna imali ifakwe kwibhanki yakhe, siyakwazi ukuyenza lo nto. Umntu usinika amaphepha aneenkcukacha nesitampu sebhanki agunyazisa thina ukuba siyifake kuloo ndawo ayifunayo. Ukuba umntu ebepeya ebhankini, ezi nguqu azimchaphazeli. Utshintsho luchaphazela umntu obesebenzisa ikhadi lethu elidala ebelihambisana noCPS,” utshilo uMnu. Qina.

Ukufika kwekhadi elitsha ziindaba ezimnandi ebantwini abadala abe bezizisulu zokutsalelwa iimali zezikweleti, oomasingcwabane ne-airtime nguCPS, maxa wambi ngaphandle kolwazi lwabo.

Kwikhadi elitsha, umntu angayikhupha imali yakhe koomatshini bemali, angathenga ezivenkileni, angayikhupha imali ePosini kathathu ngenyanga simahla, angayijonga imali anayo nokuba kukowuphi umatshini webhanki kanti angalondoloza nemali kulo.

Imali enokutsalwa kwikhadi elitsha ayidluli kumyinge weshumi ekhulwini. Ikhadi likaSASSA elitsha limthubi, linophawu lwePosi ngemva – akukho mntu oyakuyifumana imali ngaphandle kwalo ukuba akasebenzisi bhanki emva kwenyanga yeThupha.

UQina uthe amalungiselelo wabo wesiqalo esitsha sewehlabele mgama kakhulu, futhi bambalwa abantu abangakawafumani amakhadi amatsha eMpuma Koloni.