Liqaqambile ikamva labadlali kweli phondo

Kwiiveki ezimbini ezidlulileyo iintatheli zeli phephandaba beziyinxalenye yemidlalo ebiququzelelwe yinkampani yakwaDanone kwibala elikufuphi nesikhululo seeNqwelo-moya saseMonti. Abadlali bezikolo zalapha eMpuma Koloni abangaphantsi kweminyaka elishumi elinesithathu bebekhuphisana, besilwela indawo yokuqala ukuze eliphume phambili limele iphondo kwimidlalo kazwelonke. Kuphumelele isikolo sase-Alfred Nzo.

Abadlali beso sikolo baphumelele ngokufanelekileyo emva kokudlala ibhola entle bezimisele. Xa besiya kwimidlalo yelizwe lonke sithi kubo mabakhumbule ukuba abadlaleli bona ngoku, baphakamisa igama leendawo abaphuma kuzo, neMpuma Koloni. Sibanqwenelela impumelelo emizameni yabo yokuya eFrance, apho isikolo esiphumeleleyo sakuthi siphelele khona.

Igalelo elenziwa ngamaqumrhu abucala amkelekile ngamaxesha onke futhi ayancomeka, kodwa naye uRhulumente weli phondo kufuneka abenazo iinkqubo ezicacileyo zophuhliso lwemidlalo. Kukho italente engumangaliso ezilalini, kodwa kudingeka uqeqesho kwiinkalo eziliqela kule midlalo. Ukuthanda imidlalo nje akonelanga kule mihla, iitumente kufuneka ziququzelelwe ngabantu abakhanyiselweyo ngezinto futhi nabantu abafundisiweyo ngemidlalo.

Zezinye izinto urhulumente ekufuneka atyale kuzo imali ezo. URhulumente makangafaki imali kuphela apho azakuthi avele emaphepheni nakumabonakude kuphela. Kuhle ukubona isebe lezemidlalo lixhasa amanqindi, kodwa kufuneka lingajongi into enye endaweni enye. Bangalivuyela ithuba lokuxhaswa ngezinto abantwana nakweza dolophi zincinci, ukuze bazomazi urhulumente ukuba ukhona ukuze aguqule ubom babo. Imidyarho kwiindawo ngeendawo ikhona, kodwa inkxaso karhulumente wephondo ibonakala kwiBerlin November kakhulu.

Imidlalo yenye yezinto engabaphucula abantwana beli phondo litsala nzima kuyo yonke into emayelana nophuhliso. Masifunde kwamanye amaphondo asebenzise imidlalo njengesixhobo sokuzisa ushishino nokhenketho oludingekayo nalapha kweli.