Lirhoxisiwe ityala lexhego elibulele umfazi walo

Lixhoxisiwe yinkundla yamatyala aseNgcobo ityala lexhego elinamashumi asixhenxe anesibhozo (78) lakuDalasile emva kokukhululwa kwalo ngebheyile yewaka kwiveki ephelileyo.

Igama lexhego nguSonwabo Dabulana wathi wabetha umfazi wakhe wambulala onamashumi amathandathu anesibhozo (68) ubudala ngomhla wesithathu kule nyanga.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa uKapteni Namhla Mdleleni , ixhoba kwakunye nomyeni walo uSonwabo babanengxabano engaziwayo ngobo busuku neyathi yakhokelela ekubeni abe uyabhubha umfazi.

UMdleleni uthi, ngokwengxelo ayifumanayo, uSonwabo uqale wakhutshwa ngebheyile yewaka ityala lakhe limiselwa inyanga ezayo uMdumba.

Nangona nje sele kuphinde kwavakala ukuba ityala lexhego lirhoxisiwe yinkundla yaseNgcobo. Unobangela wokuchithwa kwetyala likaDalasile besingekawufumani ngokupheleleyo.

Kusenjalo: Iziganeko zokubulawa kwamaxhegwazana ngamaxhego awo ziye zisanda mvanje ingakumbi emaphandleni, kulandela indoda yakuGatyana uMabefu Mbundwana onamashumi asixhenxe (70) owabulala umfazi wakhe onamashumi amathandathu anethoba (69) uNofinishi Mbundwana kwilali yakuMente kuGatyana, embulala kuba umfazi engazange amphekele izibindi zenkukhu awayethe makamphekele zona. Izibindi babezithenge besuka kwamkela imali yendodla. Oku kwenzeka kunyaka ka2016 kweyoKwindla.

Inkundla yamatyala kuGatyana yamgweba iminyaka esibhozo engaphakathi entolongweni uMbundwana.