Lisela uSibongile Mani!

Sileqa unyaka wesibini ngoku sithetha ngoSibongile Mani owasebenzisa imali kaNSFAS eyangena ngempazamo kuye akayixela.

Ingxelo ithi intokazi yakwaMani, engumfundi eWalter Sisulu University, yangenelwa sisityhwentywe semali esizizigidi ezilishumi elinesine seerandi (R14.1m) kwikhadi lika-Intellimali, umfundi ngamnye ankinkishelwa kulo imali yesibonelelo. Imali ekufanele ingene kwikhadi lakhe liwaka elinamakhulu amane eerandi (R1400) qha.

Kwathi ke kwakungena iR14.1million kwelakhe ikhadi, uSibongile watya tyum. Isivumelwano sikaMani noNSFAS sicace gca okomva webhokwe futhi uyayazi imali ayilindeleyo.

Kwathi ke kwakungabikho lizwi elisuka kuNSFAS, uMani wasebenzisa eyakhe wade waphumela nakule ingeyoyakhe imali.

Iyonke imali awayisebenzisayo ikumakhulu asibhozo amawaka eerandi (R800 000). Abanolwazi ngemiba yemali bathi iR14.1million inganceda abafundi abasondeleyo ewakeni unyaka wonke.

Emva kokuncokola neetshomi zakhe ngemali esekhadini lakhe, kuthiwa uMani wayidyiwaza imali. Phakathi kwezinto awayichitha kuzo kubalwa iinwele ezifakelwayo, umnxeba ophathwayo (iPhone), iziselo ezinxilisayo kwiindawo zolonwabo, itasi yodidi (hand bag), iinzipho ezifakelwayo nakwezinye izinto.

Ngokwengxelo yamajelo eendaba, uSibongile Mani, wayesebenzisa imali ephaya kwishumi elinanye lamawaka eerandi (R11000) ngosuku, kwiinyanga ezintathu.

UMani wakhuselwa ngumbutho wakhe iPasma – umbutho wabafundi ophantsi kwaPan Africanist Congress (PAC).

Into uMani nombutho wakhe abalilisela ngayo kukuba akayibanga imali, nguNSFAS ofake imali ekhadini lakhe. Abantu abaninzi kuFacebook nakuTwitter bavumelana naye noxa abanye abaninzi bathi bekumele umazisile uNSFAS ngempazamo ayenzileyo.

Ukusukela ngoko, zange kubekho ngxoxo eqinileyo eyayinokusityhilela inyaniso ngalo mba.

Ukuthi cwaka kwabantu kudiza ngqo ukufa kwezazela zethu singabantu. Yinto yemihla ngemihla ukutyiwa kwemali eMzantsi Afrika ngokuba kubonakala ngathi yinto engasasothusiyo xa isenzeka.

Mhlawumbi yiyo lo nto noMani waqonda ukuba makayitye imali yabarhafi. Ngoba imali yafakwa ekhadini lakhe, ngoku kukho uluvo oluthi kunzima ukuthi uMani wayiba imali kaNSFAS.

Kodwa xa siqwalasela inkcaza yegama elithi “ubusela”. Siya kuphawula ukuba lithetha ngomntu osebenzisa into angenalo igunya kuyo kuba efuna inzuzo.

UMani wayeyazi imali yakhe. Apha asithethi ngemali engaziwayo ukuba isukaphi.

Yayicacile, ukuhlala kwakhe iinyanga ezintathu phezu kwayo kuyabonisa ukuba wayezimisele ukuyiba imali yabaRhafi. Wayiba imali kaNSFAS umfundi waseWSU!

Xa usebenzisa into engasiyoyakho, ungayixeli kumnikazi wayo – ulisela.

Ukuba wayengenayo injongo yokuyiba imali, ngewathetha noNSFAS ngemali engene ekhadini lakhe kwangosuku lokuqala okanye kwiintsuku ezimbalwa xa ebona ukuba ayilungiswa impazamo.

Ukufakwa kwemali engaka emntwini omnye akuxhaphakanga – ndiyaqala ukuva into enje.

Kutheni engazange ayibuyisele imali kaNSFAS? Ukuba wayethathe amanyathelo ngale nto – kuze kungabikho nto eyenziwayo, namhlanje ngesikwazi ukumthethelela uMani. Singamthethelela njani umntu otye imali ebekelwe ukunceda iimpula zikalujaca?

Isenzo sakhe sawujongela phantsi umzabalazo wemfundo yasimahla. Isenzo somfundi waseWSU sibi kakhulu. Ukungayixeli imali yabafundi engene kuye, ukusebenzisa imali angenalo ilungelo kuyo lulwaphulomthetho.

Ukungathembakali kwakhe akubonisi kungaqeqeshwa kwethu thina bantu abatsha nje kuphela, kukwabonisa ukonakala kweengqondo zethu singabantu.

Ukuthethelelwa kukaMani yiPasma bubudenge obuziveze ngexesha elibi kakhulu kweli lizwe. Awukho umbutho onabantu abaqiqayo onokuthethelela ukutyiwa kwemali yabafundi engaka ngumfundi omnye, kube kusilwelwa imfundo yasimahla kwelinye icala.

Sonke singabantu baseMzantsi Afrika sinoxanduva lokukhusela imali yabantu beli lizwe. Ibilithuba elihle eli lokubhentsisa umkhuba ombi owenziwa ngamagosa kaNSFAS – kodwa ngelishwa lethu, isenzo sikaMani asisincedanga. Iyaxhalabisa indlela imibutho yabafundi eziphatha ngayo kule mihla, ingakumbi xa kukho uqhankqalazo.

Udushe olwenziwa ngabafundi olushiya amaziko emfundo nabantu belahlekelwe zizinto zexabiso, yinto embi kakhulu.

Ulutsha lwangoku lakusakha njani na isizwe xa lusenza izinto ezinxamnye nomthetho?

Ukuxhaswa kwesenzo sikaMani kuthetha ukuthi iPasma ikhulisa abantu abangawuhloneliyo umthetho.

Ukuthatha nokusebenzisa into engeyoyakho ngaphandle kwemvume lulwaphulomthetho olo.

UMani makazincede ngokwamkela ukuba isenzo sakhe asithetheleleki, akugqiba axolise ebantwini baseMzantsi Afrika ngoba wonile.