Lisenkundleni ityala likaUyinene namhlanje

Otyholwa ngokubulala owayesakuba ngumfundi kwiYunivesithi yaseKapa, * -Uyinene Mrwetyana, uLuyanda Botha, uvele phambi koMantyi wengingqi eWynberg ngoLwesibini.

Khange enze sicelo sabheyile njengoko bekulindelekile, icandelo lotshutshiso iNational Prosecuting Authority ithi ikulungele ukuqhuba neli tyala.

Eli tyala ngoku liya kuthi lichotshelwe yiNkundla ePhakamileyo ngomhla oya kubuya waziswe.

U-Uyinene wayeye kuthatha ipasile yakhe eposini ngethuba ehlaselwa, ebulawa yile ndoda ngomhla wama24 kuAgasti.

Umantyi ochophele ityala uGoolam Bawa uye wawavumela amaziko eendaba ukuba amfote kwaye ambize ngegama umtyholwa lo.

UBotha ujamelene nezityholo zokubulala, ukudlwengula nokubhida umkhondo ngelokubaleka isigwebo.

UMlawuli wezoTshutshiso eNtshona Koloni, uRodney de Kock, uza kumela urhulumente kweli tyala. Uza kuvela kwakho ngoLwesine nalapho ityala eli liya kugqithiselwa kwiNkundla ePhakamileyo.

Ngethuba uBotha eshiya inkundla, inkitha yabantu ebebeye kuphulaphula ityala ivakalise umsindo isithi ifuna umtyholwa akhutshwe ngebheyile ukuze “bamgqithise amafu”.

Ukanti umbutho weEFF eNtshona Koloni uzibhebhethile iingxelo zokuba wona uxhasa lo mtyholwa.

Kubekho isibhengezo esisasazwe ngoWhatsApp simemelela amalungu alo mbutho ukuba aye ngobuninzi bawo enkundleni ukuze bakhusele umtyholwa.

Usihlalo weEFF uMelikhaya Xego uthi ngumntu oneengcinga ezimdaka othe wasasaza lo myalezo. “Singulo mbutho sizibophelele kumlo onxamnye nokuxhatshazwa kwabafazi nabantwana, ngoko ke asikwazi ukuhamba simela ababulali nabadlwenguli,” utshilo.

UXego uhambise ngelithi bavelana kakhulu nosapho lwakwaMrwetyana kwaye badakumbile kukubona ukuba kukho oozungulichele abasebenzisa eli thuba ukurhuqela igama labo edakeni.