Lisondela eluntwini isebe lezemfundo

ZIZAKUPHUNGULWA zibe lishumi elinambini ii-ofisi zezithili zesebe lemfundo eMpuma Koloni. Oku kuthethwe ngumphathiswa weli sebe uMandla Makupula, nakuchaze njengenye yeendlela zokusondeza ulawulo lwemfundo eluntwini.

OkaMakupula ukuthethe oku izolo kwisidlo sakusasa ebesiququzelelwa yinkampani yakwaOld Mutual.

UMakupula uthe, “Senza iinguqu kuyo yonke inkqubo yemfundo yabaselula. Le nkqubo iqalwe ngokudityaniswa kwezikolo apho amanani abafundi aphantsi. Ngoku sakha ii-ofisi zabahloli kwiindawo ezinezikolo, umhloli ngamnye ajongane nazo, ukwenzela ukuba umhloli abephakathi kwezikolo ajongene nazo.”

Ukwathe umhloli ngamnye uzakuncediswa ngabacebisi bezifundo, abo bahlola ingqondo yabafundi, kwakunye noonontlalontle.

Uqhube wathi, ngokomgaqo inani lee-ofisi zengingqi bekumele ukuba zilingana nenani loomasipala bengingqi kodwa ngenxa yobuninzi bezikolo kwezinye iingingqi kuye kwanyanzeleka ukuba zohlulwe phakathi.

“Iingingqi ezinkulu ezine zohlulwe kabini, sino OR Tambo Coastal oquka iSajonisi, izikolo ezithile eLibode naseNgqeleni, eFlagstaff ukuya eNgquza, kwakunye noOR Tambo Inland odibanisa izikolo ezikoomasipala uMhlontlo kwakunye neKSD,” ucacise watsho uMakupula.

Ukwathe, “Ezinye zezikolo zingena phantsi kwengingqi ezikufutshane kuyo, ngokomzekelo eziseLibode ezikufutshane eMthatha sizifaka ngaphantsi koMthatha, kunjalo nakwezinye iingingqi.”

Ukanti untshumpa olibambela kweli sebe uSizani Netshilaphala umemelele kulo lonke uluntu lweli phondo ngelithi malinike inkxaso kwizikolo abaphumelele kuzo amabanga emfundo esisiseko.

Ukwathe eli sebe lizama ukucutha ixesha elidla ngokulithatha phambi kokuba liqeshe ootitsala ukusuka kwinyanga ezine, libengamashumi amathathu eentsuku.

UNetshilapala ukwathe eli phondo lifuna ukwandisa izikolo ezisebenzisa inkqubo yemfundo yetekhnoloji esebenzisa ikhasi lomnatha kwakunye neTelematics.

Abakwa Old Mutual abebeququzelela le ndibano babalule indima abayidlalayo ekuxhaseni izinto ezisisiseko kwakunye nomgangatho wezemfundo kweli phondo.

Uvuyisile Keke ongumanejala jikelele wale nkampani kweli phondo ubalule izikolo ezilishumi elinesibhozo eQonce, nezilishumi elinesine eDuncan Village ezixhaswa yile nkampani ekuphuculeni izakhono zootitshala kweli. “Sigxile kakhulu kwizibalo nakwinzululwazi,” utshilo okaKeke. Ukwathe. “Imfundo ibalulekile ukuphucula intlalo yoluntu, kwanenxaxheba yabo kuphuhliso lelizwe, nakwiinguqu kwidemokrasi yeli.”

Ukanti le nkampani ikwanikezele ngoomabonakude abalishumi, kwakunye neshumi leeTablets.