Lithuba lokunika ulwamvila lwekhorona ingqwalasela

Njengokuba amazwe aseYurophu elungiselela iiholide zehlobo kwaye kwanoMphathiswa wethu wezoKhenketho ulijonge ngamehlo abomvu eli thuba ngelithi liza kuhlumisa uqoqosho.

Kuloo nto yonke kumele sikhumbule sazi ukuba ulwamvila lwekhorona kungona liza kuvakala ngoku eMzantsi Afrika. Mihla le siva imiphanga yabantu abasutywa kukufa ngenxa yekhorona.

Ethetha nesizwe kutshanje uMongameli Cyril Ramaphosa ngethuba enyenyisa imigaqo yelockdown, uthe nangona evumele iindawo ezifana nezindlu zokutyela, iihotele, ukuba zisebenze phantsi kwemiqathango eluqilima kuba “igongqongqo lekhorona ebelisoloko likhonjwa kude lifikile ekhaya ngoku”.

Wongeza uluvo loMphathiswa wezeMpilo koku, uGqirha Zweli Mkhize xa esithi kumele silindele isaqhwithi esingakumbi ngenxa yokuba amazwe amaninzi anyenyisa utshixo nto leyo iza kubangela ukwenyuka kwamanani abantu abanentsholongwane yekhorona.

Amanani eli loMzantsi Afrika anyuka ngesantya esiphezulu, izolo kubalwe abantu abangama144 000 abanale ntsholongwane kubikwa i2 500 yabafi.

KuseNtshona Koloni apho le ntsholongwane igqugqisayo khona kwaye kulindeleke ukuba esi sifo siqandusele khona, size sifumane iGauteng ikwindawo yesibini.

UGqirha Mkhize uthi amanani aseGauteng onyuswa ngamanani abasebenzi abajikeleza phakathi kweJoburg, Ekurhuleni naseTshwane. Kulindeleke ukuba loo manani anyuke de odlule awaseNtshona Koloni.

Imigudu yokuthibaza intsholongwane yekhorona ethathwe ngurhulumente iyancomeka kakhulu nangona ithe yagruzula ezoqoqosho.

Uphando lweengcali lubonisa ukuba izinga lokosuleleka likhulu xa abantu bexinene ndawonye, ngoko ikhwelo leSantaco lokubuyisela amanani abakhweli kundalashe kukubhoxa okuyingozi kakhulu eluntwini.

Ezi veki zizayo zibaluleke kakhulu kuthi. Kumele sizigcine emakhaya, sicoce izandla zethu rhoqo, sinxibe izifonyo maxa onke ukuze sikhusele thina nabo sibathandayo.

Masingayophuli le mithetho kuba yenzelwe ukulungelwa kwethu!