Lumka ungaqhathwa yiTB

ISIFO sephepha siyaqhatha, yitya amachiza akho de kufike ixesha lokuphela kwawo ukuba ufuna ukunyangeka.

Oku kuthethwe nguMiyakazi Nokwe, ongumlawuli ophezulu kwicandelo lesifo sephepha nogawulayo kwisebe lezempilo eMpuma Koloni. UNokwe ebethetha nephephandaba I’solezwe kumsitho wokuxhobisa uluntu ngesifo sephepha obubanjelwe eDuncan Village eMonti kwiveki ephelileyo.

INkulumbuso yephondo uPhumulo Masualle ekunye noMphathiswa wezempilo uGqirha Pumza Dyantyi, bathe bakhokela iphulo lokufundisa uluntu ngesi sifo sephepha ngethuba kubanjwe lo msitho.

UNokwe uthi isifo sephepha siyanyangeka, kodwa ukuze yenzeke lo nto abantu kufuneka baye kumaziko ezempilo akufuphi nabo bahlolwe kuqala.

“Umceli-mngeni esinawo kukuba xa abantu bethe bahlolwa, bathatha amachiza okunyanga esi sifo baye bajike endleleni bangalugqibi unyango. Oku kungenxa yokuba iTB iyaqhatha, uthi ngoku ubungalali ugula uthi wakutya amachiza uzibone ingathi ungcono emva kweeveki ezimbini. Kulapho ke ngoku kufuneka ukhuthazwe khona kuba awukaphili ncam.

“Ukuba awuzigqibi iinyanga ezintandathu awuzukuphila. Kubalulekile ukuba utye amachiza akho de kuphele ixesha lonyango,” utshilo uNokwe.

Noxa nje isifo sephepha sinyangeka, abasemagunyeni bathi esi sifo sesinye esingunobangela wokubhubha kwabantu eMzantsi Afrika.

Umasipala ombaxa waseBuffalo City ngomnye woomasipala abanenani elithe funqu lokubhubha kwabantu ngenxa yesi sifo.

Iimpawu zesifo sephepha ziquka ukukhohlela, ukubila ebusuku, ukwehla emzimbeni, nokungathandi ukutya.