Lumkela isifo somhlaza

Wonke umntu, etshaya engatshayi anganaso isifo somhlaza.

Lo ibingumyalezo ovakele ngethuba bekubanjwe intlanganiso yokwazisa uluntu ngesifo somhlaza ebantwaneni kukwafundiswa nangempawu emaziqatshelwe ezithi ngamanye amaxesha zihambe nokutshintsha kwesimo somntwana.

Le ntlanganiso ibiququzelelwe ngombutho iKuyasa nezinze kwilokishi yaseNew Brighton ibanjelwe kwiholo yoluntu iNangoza Jebe kule lokishi ngoLwesibini.

Obesisithethi kulo msitho, uPortia Marinana nongunontlalontle kumbutho ojongene nesifo somhlaza ebantwaneni obizwa ngokuba yiChildhood Cancer Foundation of South Africa (CHOC) ucebise abazali esithi mabaphaphe boyike xa beqaphela okungaqhelekanga emizimbeni yabantwana babo.

Uthe abantu mabaziqhelanise neendawo zonyango ezifana neekliniki kunye noogqirha zisuka bangathandabuzi.

Uthe zininzi iimpawu zomhlaza ezibonakalayo ebantwaneni esithi ukuphelelwa ngumdla, ukutyhafa, amaqhuma esandleni , entloko nasentanyeni yenye yazo.

“Abazali mabakrokre xa beqaphela umkhuhlane ongapheliyo, ukuhla ngokwasemzimbeni , ukukhala ngesinqe nokubonakala kwechaphaza elimhlophe elisweni lomntwana kuba zezinye zeempawu zomhlaza ezo,” utshilo uMarinana.

UMarinana uthe abantu abaninzi ingakumbi abantsundu baneenkolelo ezibangela ukuba bangakhawulezi bacinge ngoogqirha esithi ezinye zezinto eziphuma emizimbeni njengamaqhuma baziyamanisa nemfuzo okanye ilifa.

Uhambise wathi abanye bakholelwa ekusebenziseni iibhotile zamagqirha namaxhwele bambi bewasebenzisa kunye nalawo bawanikwa ngoogqirha ezibhedlele.

“Masizithobeni mawethu sincedisane nokwakhiwa kweempilo zabantwana bethu, siyeke ukubeka ubugqwirha phambili, silandele neentsuku zokuya kulanda unyango ezibhedlele,” utshilo uMarinana.

Kule ntlanganiso abahlali bavakalise ukuba bayalelwa ngoopasta ukuba bahambele unyango ngelithi ngabo abaphilisi.