‘Lungelani ukumngcwabela eKapa, oswelekele eKapa’

UMphathiswa wezeMpilo ephondweni uSindiswa Gomba kwakunye neNkulubaphathiswa uOscar Mabuyane UMFANEKISO: BHEKI RADEBE

INKULUBAPHATHISWA uOscar Mabuyane uthi uluntu maluyithathe intsholongwane yeKhorona njengexesha lemfazwe, luguqule indlela yokwenza izinto.

UMabuyane ulumkise ngelithi amanani wabo bosuleleke yintsholongwane yeKhorona aseza kunyuka ngenxa yesicwangciso abanaso sokuhlola abantu.

“Sisesenyeleni, umcimbi uza kuba shushu njengoko ziqengqeleka iinyanga. Hlala endlini, ukhusele usapho lwakho,” utshilo uMabuyane.

UMabuyane uthi abantu abanale ntsholongwane eKapa bayayichaphazela iMpuma Koloni.

“Ukonyuka kwamanani entsholongwane yeKhorona eNtshona Koloni kusenza inkxalabo kuba abo bantu banoqhakamshelwano neMpuma Koloni. Zonke iimpelaveki kukho abantu abasuka eNtshona Koloni bezokungcwaba.”

Lo kaMabuyane ukhuthaza uluntu ukuba lulithathe njengexesha lemfazwe eli xesha.

“Emfazweni akukho joni libuzayo ukuba lingcwatyelwa phi. Yiyo le nto sisithi ngoku abantu mabalungele ukungcwaba eKapa xa umntu ebhubhele eKapa, mabalungele ukungcwaba naseRhawutini xa umntu ebhubhele eRhawutini.

“Masiguqule indlela yokwenza izinto, kuba imeko iyasinyanzelisa. Abantu mabalungele noqhusheka nje umzimba, umngcwabo ubuye wenziwe,” kutsho uMabuyane.

INkulubaphathiswa ikwamemelele kubafana basezilalini abomba amangcwaba ukuba balandele imiqathango yokuzikhusela.

“OoMasipala bethu sithi mabasondele abo bakufutshane, bancedise ekombeni. Kodwa ke siyaqonda ukuba zikude kunedolophu ezinye iilali.

Xa kunjalo ke sikhuthaza abafana abomba amangcwaba ukuba umntu aziphathele iiglavu zakhe futhi kuhlanjwe izandla rhoqo, xa umfana egqiba komba.”

UMabuyane ukwathe okwangoku iphondo lineebhedi ezingamawaka amabini (2 000) zokujongana nabo banentsholongwane yeKhorona. Iphondo lifuna iibhedi ezingamawaka asibhozo (8 000) ukuqubisana nomthamo wabo banentsholongwane yeKhorona xa amanani esonyuka.

“UVolkswagen uyasincedisa nanjengoko kwisibhedlele sethutyana esigxunyekwa eNelson Mandela Bay Stadium apho kuza kube kukho iibhedi ezingamawaka amane (4 000).”

UMphathiswa wezeMpilo ephondweni uSindiswa Gomba uthe: “Sithathe isigqibo sokuba izigulana zityelelwe kanye ngosuku imizuzu elishumi elinesihlanu futhi abantu bangaphatheli izihlobo ukutya okuphekiweyo, baphathe okugqunyiweyo.”