Lungisa: Sakudibana eLuthuli House

Andile Lungisa

UCEBA weANC eNelson Mandela Bay, uAndile Lungisa, ubonakala ngokungathi uya kwimpi neANC yephondo emva kwesibhengezo sesigqeba salo mbutho ephondweni sokuba makasuke kwisikhundla sakhe sokongamela ikomiti yeziseko, ubunjineli nezamandla kumasipala wale ngingqi.

Kule veki iANC ithabathe isigqibo sokuyalela uLungisa ukuba aguzuke kwisikhundla sakhe sokuba ngusihlalo wale komiti, ashiyeke nje ekumndilili wokuba nguceba.

UNobhala weANC kweli phondo, uLulama Ngcukayithobi, uthi uLungisa kwakufanele ukuba uqale phantsi kweenkqubo zeANC phambi kokuba angene kwesa sikhundla. UNgcukayithobi uthi uLungisa akanakulunga ukuba kwesa sikhundla, abe esajongene neenkqubo zemithetho kulandela ukugwetywa kwakhe iminyaka emibini ngamatyala okubetha ngeenjongo zokonzakalisa uceba weDA. ULungisa wagwetywa ngoCanzibe kulo nyaka kodwa ungaphandle emva kokubhena kwisigwebo sakhe.

UNgcukayithobi uthe: “Isigqibo sokuba kususwe uLungisa kwikomiti yezopolitiko kamasipala sisamile. Esi sigqibo sakuma de sive iziphumo zesibheno sakhe. Ikumgaqo weANC into yokuba abantu abajongene namatyala mabangangeni kwizikhundla eziphezulu kwiANC.”

Ngokwentetho kaNgcukayithobi, abamazi uLungisa ukuba wangena kanjani kula komiti.

“Wonke umthunywa weANC ufanele ukuba ufumene iimfefe zesigqeba sephondo, hayi ngokuzenzela,” utshilo uNgcukayithobi.

Ebalisela I’solezwe lesiXhosa, uLungisa uthi lo mba uza kuwuthatha awuse kwikomiti kazwelonke (NEC) yeANC.

“Yiyo ke ikomiti eza kundixelela ukuba mandithini, futhi ndakusithobela isigqibo sayo. Andizange ndizithume kwesi sikhundla ndikuso. Amalungu eNEC ayefuna ndiye kwesi sikhundla ndikuso logama iphondo lalifuna ndiye kwikomiti yophuhliso lwezoqoqosho. Yiyo le nto ndimileyo kwelithi apha kwesi sikhundla ndikuso ndathunywa, andizange ndiziyele ngokwam.

“Into endothusayo njengelungu leANC kukuba kuthiwe gqi ingathi kwehliwa entabeni, kuthiwe ‘uLungisa ebengafanelanga ukuba uphaya’ kodwa iphondo lalibhale imbalelwano lisithi mandiye kwikomiti yophuhliso lwezoqoqosho. Andinawo amandla okuzifaka kwikomiti, ndithunyiwe kule komiti,” utshilo uLungisa.