Mabathini oomama babakhwetha?

Kule veki iphelileyo sipapashe ibali ngomama ozifunele ikhankatha likanyana wakhe esuthwini. Siyabona ukuba ezi ndaba khange ziginyeke kakuhle kubafundi bephepha.

Kwikhasi lethu likaFacebook kuthe gqi oo “Unesibindi lo mama ukuba azifunele ikhankatha, kaloku yinto yamadoda leya hayi eyomama!” noo “Hay’ suka wazi ntoni ngomntu olikhankatha? Mxm! Aba mama baphaphayo ngaba mama baseTRANSKEI naseCISKEI! Sies mani amanyala!”

Asazi ukuba yeyiphi indawo efunisa ukuba ade agxekwe kangaka lo mama. Ingathi noko kuphuncuke uvelwano kule meko ngoba sele ade azifunele ikhankatha kungenxa yeemeko. Kula maxesha siphila kuwo, ufumanisa ukuba usapho aluseyiyo la nto yakudala inkulu. Ufumanisa ukuba naxa umntu eyokukroba ezilalini oomalume abanokuncedisa babhubha okanye baduka. Maxawambi ngoongantweni abaphilela utywala. Uzibuze ukuba xa ungumzali ungahamba uyokucela umntu onjalo ukuba akukhangelele ikhankatha? Uthi lo mntu akanosuke abize omnye wezihlobo zakhe asela nazo?

Khona yaphelela phi into yamakhankatha angamadoda emadodeni? Kutheni sele uninzi lwamakhankatha ingabafana baselalini okanye elokishini abangaphangeliyo, abangenamfazi nabangenamizi?

Uthi umkhwetha lowo uyakufunda ntoni ‘kwindoda’ engaphili kwa ubomi obu sibunqwenela kumkhwetha lowo? Masingasokolisi amakhosikazi azikhulisele oonyana babo nzima, bebodwa, xa befuna ukukhethela abantwana amakhankatha.

Omnye umbhali kwa phaya kuFacebook uyibeke kakuhle xa esithi: “Uninzi lwethu madoda sibamithisa sibashiye. Singabiyonxalenye kwimpilo yomntana nezinto zesintu ezifunwa ngumntana oyindodana. Ngamanye amaxesha xa kungekho umntu ongutata, oomama bethu kuye kunyanzeleke banxibe iibrukhwe zethu.”