Mabuyane: Yintoni le ingaka ngeYurophu?

Imifanekiso ithathwe nguBheki Radebe kule mibhiyozo

INkulumbuso entsha yaseMpuma Koloni uOscar Mabuyane, ukhuthaze abemmi baseMzantsi Afrika ukuba bafunde banzi ngamazwe alaph’ eAfrika, ememelela ukuba kuphele ukusoloko kukhokeliswa iYurophu mhla ngotyelelo. 


UMabuyane ebethetha kwibala elivulekileyo ngaseEastern Beach eMonti ngoLwesihlanu, apho iphondo belibambe umsitho wokuphawula uSuku lweAfrika, olubhiyozelwa minyaka le ngomhla wamashumi amabini anesihlanu kuCanzibe. 

“Kufanele ukuba sineenkqubo zokutshintshiselana ngolwazi phakathi kwabafundi ukuze sifundisane ngezinto eziyintsika kuphuhliso lweAfrika. 

“Ndiyayazi ukuba kukho abemmi boMzantsi Afrika abaliqela, abangazi nokuba ame njani okanye kuphilwa njani kwamanye amazwe aseAfrika, kodwa xa kuthethwa ngeYurophu uye ubone ukuba umdla wokutyelela mninzi kakhulu,” utshilo uMabuyane. 

Lo kaMabuyane uthi urhulumente wephondo uza kuqaqambisa unaniselwano phakathi kwamazwe aseAfrika. 

“Urhulumente wephondo laseMpuma Koloni endinikwe inyhweba yokumkhokela, uza kuyiphelisa le nto yokubekwa phambili kweYurophu. Siza kufunda kwamanye amazwe alaph’ eAfrika, nathi sinike awethu amava ngokuphuhliswa kweAfrika. 

“Ndikholelwa ukuba izisombululo kwiingxaki zethu zentlalo noqoqosho, zikwalapha kule Afrika yethu iteketeke kukutyeba, hayi kwenye indawo nokuba yiYurophu, Melika okanye iAsia. 

“Onke loo mazwe (Yurophu, Melika neAsia) asebenzisa izimbiwa zethu ukuphuhlisa iindawo zawo,” utshilo uMabuyane. 

Phambi kokuthetha kukaMabuyane, inkokeli yombutho iCommunity of African Nations in South Africa, uAli Ibrahim Mohammed waseSomali, uqhwabele izandla iinkokeli zaseMzantsi Afrika ngokuqhuba ngobunono inkqubo yedemokhrasi kweli, esithi unyulo lwakutshanje kweli lungumzekelo wokuba iqinile idemokhrasi yeli. 

“Akukho mntu othe wabulawa okanye abantu abathe balwa, kuvotelwe iinkokeli ngoxolo nangesithozela,” utshilo uMohammed.