Majodina: Malifundwe I’solezwe lesiXhosa

“Lithengeni nilifunde eli phephandaba I’solezwe lesiXhosa, kuba liyinxalenye yokuvuselela ulwimi lwesiXhosa njengezinye iilwimi ezikhoyo apha ephondweni leMpuma Koloni.”

Oku kuthethwe ngumphathiswa wesebe lezemidlalo, ulonwabo, inkcubeko nobugcisa eMpuma Koloni, uPemmy Majodina, ngethuba evula ngokusesikweni ithala leencwadi eSeymour kumasipala waseNkonkobe.

Lo mphathiswa uthi ukufundwa kweli phephandaba kuya kubangela ukuba abantu babenomdla wokufunda iincwadi zesiXhosa.

“Ndithetha apha ngephephandaba elikuxelela iindaba ezisulungekileyo ezingonyelisi mntu, ngoMvulo belithetha ngembali yamaNywabe,” ucacise watsho uMajodina.

Ilizwekazi laseAfrika lelinye lamazwe asemva kakhulu ngokolwazi lokufunda nokubhala xa kuthelekiswa namanye amazwekazi ehlabathini.

Lo mphathiswa umemelele ubahlali baseSeymour ukuba basebenzise elo thala leencwadi ukuze bazixhobise ngolwazi lokwazi imbali yentlalo yabo.

“Kumele ukuba apha kuni kuphume ulwazi oluchaza ngembali yale ndawo ukuze kubhalwe iincwadi ezichaza ngale dolophu yaseSeymour ukuze kugcinwe imbali,” utshilo uMajodina.

Lo mphathiswa ukhuthaze abantu ukuba banikise ngeencwadi abanazo kwelo thala leencwadi, esithi ukufundwa kwencwadi zakudala zesiXhosa kuyakunceda ukuvuselelwa kolwimi.

Uthi eli thala leencwadi lize lisebenzele ukuba abahlali baseSeymour balifumane eli phephanda ngamxesha onke belifuna.

Le dolophu inengxaki ezininzi ekulindeleke ukuba ziguquke ngenxa yokufumana eli thala leencwadi.

Othethe egameni lomasipala waseNkonkobe, uCeba uShirley Matyila uthi, akufundwanga kule ndawo ngenxa yokungabikho koncedo.

“Sinethemba lokuba ngoku abantwana besikolo bazakuxakeka besebenzisa eli thala, bohlukane nokuchitha ixesha kwiziyobisi, kukhule inani labantu abafundileyo apha,” uthethe watsho.

Le ngxelo ithi yimali ekwisigidi seerandi ethe yasetyenziswa ukwakha nokuvuselela eli thala leencwadi, kwaye likwaxhotyiswe ngekhompyutha.

“Bazakusebenzisa ithala ukuncedisa la msebenzi bawunikwa ngootishala esikolweni ukuze bafike esikolweni bewenzile umsebenzi ebebewunikiwe,” utshilo uMajodina.

Ngamathala encwadi akwishumi elinesithandathu ekulindeleke ukuba avulwe kulonyaka mali leli sebe, itsho ingxelo.

Eli thala lelokuqala elikulo mgangatho kwidolophu yaseSeymour.

siyabulela.mqikela@inl.co.za