Makohlwaye uKhongolose

“Endingakutsho mna msasazi kukuba iinkokheli zethu zizo ezinika amandla amaqela aphikisayo, kuba azifuni kuphulaphula izikhalazo zabahlali.”

Esi sisilumnkiso somnye wabahlali ababini bakwa- Ward 17 eMdantsane, ngethuba bengamandwendwe kwinkqubo-ndaba yejelo losasazo lasekuhlaleni iMdantsane FM kulo Mvulo sisuka kuwo. Ndiyibambe esiqwini le nkqubo, kodwa umxholo ubumalunga nezikhalazo zabahlali bale ward ngokunganeliseki kwabo nguceba obakhokhelayo uNksz. Phumla Yenana.

Le ward ikhe yabangundaba mlonyeni ekuqaleni konyaka xeshikweni abahlali bebebambe uqhanqalazo olunezidubedube benyanzelisa lo kaYenana ukuba makehle esikhundleni sakhe, bemtyhola ngelithi uyasilela ukuzisa iinkonzo ezingundoqo kule ngingqi, yaye yonke imisebenzi uyinika amahlakani akhe.

Umbhexeshi wenkqubo ukukhankanyile okokuba uYenana uye wamenywa ukuba makabe yinxalenye yenkqubo khon’ukuze azokukwazi ukufumana ithuba lokuziphendulela kwezi zityholo atyibekwa zona ngabahlali, kodwa amalinge okumfumana aye aphanza.

Nabanye ke abahlali bale ward ebebephulaphule emakhaya baye baphefumla ngomnxeba, yaye bonke bangqinelene nezi zithethi zibini besitsho ngazwinye besithi makehle esikhundleni uceba wabo. Omnye umphulaphuli ude wamchaza lo ka- Yenana njengomntu “ongenantliziyo.”

Enye ke futhi into endibona ukuba ibenza bavuk’ injebomvu abahlali bakwaward 17 kukuba uYenana ukuluhlu lwabantu ekufuneka kuchongwe kubo lo yena uzakumela iANC njengoceba kulonyulo loomasipala kweyeThupha. Umba wooceba abangafunwa ngabahlali yeyona nto iphathisa umbutho wesizwe ngentloko ebuhlungu engapheliyo, hayi nje kweli phondo lethu, kwilizwe liphela.

Kulo Mgqibelo udlulileyo uMongameli Jacob Zuma uphehlelela ngokusesikweni umqulu wezithembiso zolonyulo wombutho ophetheyo, nalapho ethe wagxila kakhulu kwinkqubela-phambili esele yenziwe ukuphucula ubomi babantu susela kulonyulo oluphambi kolu ngomynaka ka2011, kodwa kunjalo, uMongameli uvumile ukuba kusekuninzi abangekakwenzi kakuhle kweli nqanaba lorhulumento, nto leyo ethe gqolo ukuvusa umnyele kuluntu ekuhlaleni.

Isithembiso esenziwe nguKhongolose ukulungisa ezi ziphene nolawulo olugwenxa koomasipala nasekuhlaleni kukuba, ukususela ngoku ukubheka phambili, bonke ooceba bazakutyikitya izivumelwano ngendlela abazakusebenza ngayo, yaye kumele bathi gqolo ukunxibelelana nabahlali ngenkqubela phambili kwiinkonzo ekumele ukuba bayazifumana.

uMongameli ukwathe, abahlali bazakuba yinxalenye yokonyula ooceba abakholwa ngabo, endaweni yokuba bakhethelwe ngumbutho njenogoko bekusenzeka ngaphambili.

Kuhle oku kuthethwe nguMongameli, kodwa ndinayo indawo enentandabuzo kuba ndisazi ukuba kulula ukuthetha kodwa nkqi kona ukwenza. Niyakukhumbula ukuba ngomnyaka ka 2011, ilungu lesigqeba esiphezulu seANC nosele engusihlalo wekomishoni yamazwe ayimbumba ezwekazi iAfrika, uNkosk.

Nkosazana Dlamini-Zuma wakhokhela igqiza elaliphanda ubugwenxa kwinkqubo yokonyulwa kooceba bombutho. Kumatyala angaphaya kwamakhulu amane athe aphandwa leli gqiza, kwakhutshwa umyalelo wokuba makuphinde kuqalwe phantsi inkqubo yokonyulwa kooceba kwiiward ezilikhulu elinamashumi amabini anesihlanu kuzwelonke.

Okunye okwavela kule ngxelo yinto yokuba, abanye ooceba baqale ukuba ngamalungu ombutho we- ANC emva kokonyulwa. Kwakwenye ingxelo eyohlukeneyo ngalo mba wooceba neyakhutshwa sisixeko saseBuffalo City ngomnyaka ka 2014, kwavezwa into yokuba bangaphaya kwesiqingatha ooceba besi sixeko abangazange baququzele nanye intlanganiso yabahlali ukuze banikeze ingxelo ngeenkonzo ezingundoqo, kodwa kunjalo aba ceba barhola imivuzo yabo epheleleyo ngomzima ongenaxhala.

Xa uKhongolose engazimameli izikhalo zabahlali minyaka le noxa esoloko ethembisa ngotshintsho, okuladelayo kumelezeke ukuba makohlwaywe kanobom ngabalandeli namalungu akhe, khonukuze azokuvuka emaqandeni.