‘Makuphinde kuvotwe!’ – kukhala abahlali

Abahlali bakwaWadi 42, eMdantsane, bathi bazakufaka isimangalo kwinkundla ephakamileyo bemangalela ikomishini ezimeleyo yonyulo emva kokuba begqibe iiveki ezimbini behleli nebhokisi enamaphepha okuvota asetyenzisiweyo ngexesha lovoto.

Ingxelo yaba bahlali ithi kudala bethetha namagosa akwa-IEC ngelizama ukufumana into enokwenziwa ngale bhokisi kuba eyesibini ide yonakala ngenxa yokubamanzi kakhulu.

Othethe egameni leli qela uNelly Mpontshane uthi abafumani mpendulo esuka kwabakwa-IEC.

“Ziphelile iiveki ezimbini sizamana no-IEC sifuna ukubaxelela ngale ntlekele, bake basicacisele ukuba kwenzeke ntoni ukuze le bhokisi ilahlwe kule ndawo, kodwa abafumaneki ndawo,” utshilo uMpontshane.

Uninzi lwaba bahlali bathi bebevotele abagqatswa abazimeleyo, kwaye bakholelwa ukuba ezi voti zilahliweyo ziqulathe inkxaso yabo.

Kwiveki ephelileyo ngabahlali abaphuma kwiiWadi ezingamashumi amathathu anesixhenxe abaqhube uqhankqalazo obeluchasene nokufungiswa kooceba kumasipala ombaxa iBuffalo City.

Othethe egameni le-IEC eMpuma Koloni uPearl Ngoza uthi ngenene bebesifumene isikhalazo esivela kwaba bahlali, kodwa bafumanise ukuba zabalwa ezivoti bathetha ngazo.

“Ezi bhokisi zibhekisele kulonyulo obelungomhla wesibini kule nyanga yeThupha. Ngomhla wesithathu ezivoti zathathwa zabalwa, ngoko ke labhokisi ibingenanto ngaphakathi kuba amaphepha okuvota ebesele ebaliwe,” utshilo uNgoza.

Enye yamadoda ebezigqatsele ukuba nguceba ozimeleyo uXhanti Bolo uthi benza impazamo ngokuya kulonyulo bezimele.

“Siyazisola kwaye batsho nabantu abasivotele, kuba ukuba besivotele umbutho ofana neDA le ngesiyikhuphile iANC apha BCM,” utshilo uBolo.