Mandisa iphi imali yabantu?

LIQELA labantu abaphantse bafike kumakhulu amahlanu baseMzantsi Afrika abakhala esimantshiyane kulandela ukuphulukana nenkuntyula yemali abe beyityale kwingxowa kaMandisa Kobe Gabha, benethemba lokuba izakuba nenzala.

UKobe, ekukholeleka ukuba linenekazi laseMdantsane, uduke negama lakhe eshiya izijwili nomvandedwa kwaba baxumi. UKobe kukholeleka ukuba wenze izigidi ezihlanu zeerandi ngemali ayiqokelele kwaba baxumi.

I’solezwe libone inqwaba yeziqinisekiso zokufakwa kwemali ebhankini isiya kwiinkcukacha ze-akhawunti yezoshishino (business account) phantsi kwenkampani kaMandisa ebizwa iJANIMARK (PTY) LTD. Imali efakwe kuMandisa ibisuka kuR2 000 ukuya kooR100 000.

Ngokwezi nkcukacha kuyabonakala ukuba uMandisa ebengasebenzisi bhanki enye. Kwelinye ityeli ebesebenzisa ibhanki yakwaFNB phantsi kweJANIMARK (PTY) LTD, kwenye esebenzisa eyakwaNedbank kuyo ezibiza uMandisa Mindy Kobe.

Iingxelo zithi uMandisa unoqhagamshelwano neenkampani zonaniselwano zakumazwe aphesheya. Kolu naniselwano ebezimele nge-International Markets Live (IML).

Uphando olukhawulezileyo kumnatha lubonakalisa ukuba i-IML asinkampani ungathembela kuyo.

Kwingxelo ka2016 epapashwe ngabakwa-Ethan Vanderbuilt, iingcungela eziphanda ngobuqhophololo obenziwa kusetyenziswa ubuxhakaxhaka bale mihla, kuvakala ukuba abakwa-IML bakhe basezingxakini zokukhonkxelwa iinkcukacha zebhanki eMelika ngenxa yobuqhetseba.

EMzantsi Afrika, abantu abaliqela abaquka abo basebenza kumaziko karhulumente nabo bangoosomashishini bebefake iimali zabo kwa-IML ngethemba lokuba ziza kukhula.

Kwa-IML imali ikhula inyanga nenyanga. Ngokomzekelo ukuba ufake iR10 000, izala ibeyiR20 000 emva kwenyanga. Ukuba ufake iR50 000, izala ibeyiR100 000 emva kwenyanga.

Inkosikazi ecele ukuba ingakhankqulwa ngegama ithi ibifake iR190 000, kwimali yayo yepenshini.

“Intliziyo yam iphantse yama, kuba bendisandula ukuyeka emsebenzini, ndafumana imali yepenshini. Ndaqala ndafaka iR60 000, ndalandela ngeR30 000 ze ndaphinda ndafaka iR100 000. Konke oku ndikwenze kuba ndinethemba lokuba iza kubuya imali yam izele ukuze ndikwazi ukuthenga indlu,” itshilo le nkosikazi.

Enye inkosikazi ithi ibifake iR10 000 kweyoMsintsi nyakenye. “Besinethemba lokuba iza kuzala imali yethu kuba yonke le nto uMandisa ebeyenza nomntu esimaziyo eGcuwa. Asikhange sibone sizathu sokumthandabuza,” itshilo le nkosikazi.

Emva kokukruquka kukungafumaneki kukaMandisa, iqela elinomsindo nebelifake iimali zalo kwi-IML livule ityala kumapolisa aseFleet Street eMonti.

Isithethi samapolisa uWarrant Officer Hazel Mqala ukungqinile ukuvulwa kwetyala, watsho esithi amapolisa ayaqhuba nophando.

Ngokophando kwiqonga likaFacebook, uMandisa waziwa kwihlabathi lonke jikelele.

Ngomhla weshumi elinesine kweyoMsintsi kunyaka ophelileyo, uAlex Morton waseMelika waqhwabela izandla uMandisa esithi: “Enkosi ngesikhokelo sokufundisa, ukutyebisa nokuxhobisa abaxumi abakwizigidi eMzantsi Afrika ngonyaka ka2020. Ndinovuyo lokuza eMzantsi Afrika okokuqala ungaphelanga lo nyaka (2017).”

Esi sigidi sabaxumi ngonyaka ka2020, singatolikwa njengokuzinikela kukaMandisa okokuba ufuna isigidi sabantu baseMzantsi Afrika ukuba sibekwi-IML ngonyaka ka2020.

Ephendula kwi-imeyili, uMandisa uthe: “Andizukuphendula kuba andenzanga nto igwenxa. Othi ndenze okugwenxa makaye apho aya khona.”