Masibalise ngembali yethu, ngokwethu

Ekuqaleni kwale veki sifumane isimemo pha kwiqumrhu lophuhliso lwaseMpuma Koloni (ECDC) nalapho bekulindeleke ukuba sidibane nabadidiyeli befilimu entsha eza kubalisa ibali lokufika koonyawontle kweli.

Igama layo nguDiamonds in the Dirt kwaye ididiyelwe nguAadhitya Bahudhanam waseIndia noNosabatha Nyumbeka walapha ephondweni. Ngelabo baza kusebenzisa abalingisi balapha eMpuma Koloni kwaye baza kuwenzela apha kumasipala ombaxa waseAmathole.

Ziindaba ezimnandi kakhulu ezi. Kula maxesha siphila kuwo sekwabalula ukufundisa abantu ngemiboniso bhanyabhanya ngoba ukufunda iincwadi ezithwele imbali yethu kuthatha ixesha kwaye zifumaneka nzima.

Ziphinde zibhalwe ngendlela eyozelisayo nende kakhulu. Noko xa ingumboniso bhanyabhanya abantu bakutsho bafumane ithuba lokubona uMlanjeni nooMaqoma neemfazwe zabo nooNjengele Smith.

Ukanti ikwalilo nethuba lokuba sibone nela menemene linguNongqawuse kumabonakude. La mabali ayebaliswa kakhulu kumaphephandaba akudala afana neeImvo Zabantsundu. Nathi sakukhe siwalandele. Sinaye utata uMpumelelo Makuliwe omane esibhalela ngemiba yembali yethu, ekwaboleka nakula maphephandaba akudala. Yena waba nethamsanqa lokuphila ngexesha lala maphepha nokuwaqokelela.

Kubalulekile ukuba imbali le yethu siyinike ingqwalasela ngoba sakuzibona siphindaphinda iimpazamo zookhokho bethu. Kanti ukuba besingabantu abarhabula rhoqo kwimbali besinokukwazi ukuthi ‘hayi le, ayizokusebenza into!’ Umzekelo kweli dabi lomhlaba. Abantu bawufuna apha umhlaba.

NeANC, nangona ingade ithethe ngezenzo, ithi mawubuye umhlaba. Kwakulunga ukuba sifunde iincwadi ezifana no’Native Life in South Africa’ owabhalwa nguSol Plaatjie okanye sifunde nale intsha ibhalwe nguThembeka Ngcukaithobi engu ‘The Land is Ours’ ukuze sazi ukuba wathathwa njani umhlaba, uthathwa phi, uthathwa ngoobani baze benza zicwangciso zithini ngawo.

Nalo mboniso bhanyabhanya ungoonyawontle siyathemba ukuba uza kungena kule miba.