Masihleke NoManono

Andisexakwe sana ngabantu baseBhayi, ingathi ndiza kugoduka ndingekathandi nyani kanti kusemnandi apha kwaNdokwenza, nto nje ndixakene nesigezo salapha. Yhu! Nosipho Songwiqi kudala nabanje?

Ndithe ndibuza isebe lemicimbi yasekhaya ukuba lindawoni apha, ndifuna ukuyokwengeza amagama nefani zam ezilithotho zasemtshatweni, zitsho zivele zonke ekhompyutheni ndibe nguManono Trump Nonkandl’elihle Zuma Gezeyihlekisa Mdlazi-Mapakathi-Nkurunziza, kucace ukuba ndinguCeba kaFacebook onesidima nonyathela kunyikime umhlaba. Xa ndidlula kuvakale isandi sikaKarabo Moroka odibanise uZola Radebe noTau Mogale yayiva kengoku?

Hay’ke ondolathise indawo yesebe lemicimbi yezekhaya yaseBhayi akandigezelanga hayi suka!!

Uthe ndiza kuthatha iteksi eNjoli iyo kundibeka eMthatha, xa ndifika eMthatha ndithathe enye eza kundibeka eQonce, xa ndifika eQonce ndithathe eza kundibeka eDutywa, ze ndehle kwiirobhothi zesithathu ndizakubona indawo ekhwelela iiteksi, ze ndifune iiteksi eziya eMzantsi Afrika apho zona ziza kundibeka eMarket Square ngase Oprah House. Xa ndifika apho ndizakubona indlu enkulu enefoto kaBathabile Dlamini. Yhu! hee! bethuna uMzantsi afrika ugcwele ooPatjutju ndiwuncamile mna!

Kanti ndithe ndibuza omnye ukuba ezi zazisi zintsha zamakhadi zenziwa phi?

Wathi zenziwa kwaSASSA okanye ebhankini kulant’ba zingamakhadi nazo, wabe esithi uqale uvavanyelwe ukuqhuba iibhasi zikamasipala, phambi kokuba usifumane eso sazisi, ndathi amen! icawe iphumile!

Yazi umntu akugezele us’ke ube nosizi kuba umbona ukuba uza kushiyeka yedwa kule nto yesigezo, kulant’ba sekuzanywa ukuliwa nokupheliswa le nto yeZeno4bhiya nakuGenerations – The legacy.

UTatu Mfundi Vundla uzama ngandlela zonke ukuba samkelane nokubonisana ukuba singumntu omnye, nankuya eze noZitha otheth’ isiZulu kodwa ukhulele eMpuma Koloni eRhini, uThabiso ngowaseXhopo KwaZulu Natal, kodwa uthetha isiXhosa Xho, ngoku ndimlinde eze noEnzokuhle Mulovhedzi okhulele eDikeni othetha isiSwahili …