‘Masilwe ukusetyenziswa ngamadoda kwezopolitiko’

Amabhinqa aselula anxilayo emva koko asetyenziswe ngamadoda akwezopolitiko ukufezekisa iminqweno yawo, makuliwe.

Le yindlela abona ngayo imeko yezopolitiko yanamhlanje uBhelekazi Mabandla (35), unondyebo weANC eMonti, kwaye uthi oku kufuneka kutshintshiwe.

“Abantu abatsha ababhinqileyo abaliboni igalelo lokuzibandakanya nezopolitiko. Nkqu nam, njengebhinqa eliselitsha kwiANC, ndiyanqwenela ukuyitshintsha le ngcingane yokuba ukuze ufumane isikhundla kufuneka ulale (namadoda) okanye wenze izinto ezithile ukuze ufumane isikhundla. “Sibona amabhinqa amatsha enxila esenziswa izinto ezigwenxa ngamadoda akwezopolitiko, kwaye akukho mntu uthethayo ngale nto,” kutsho uMabandla.

UMabandla uthi umkhwa wokusetyenziswa kwamabhinqa ngamadoda ezopolitiko uthe gqolo ukuthobela phantsi isidima samakhosikazi. “Ngamanye amaxesha sibona amabhinqa esetyenziswa ngoosopolitiki abalwa amadabi abo.

Le nto kufuneka itshintshe futhi itshintshwe sithi mabhinqa. Amadoda akwezopolitiko kufuneka siwacele umngeni sibuze ukuba kutheni engasikhuseli.

“Ukuba uyakhathala ngobuwena njengebhinqa, uyakuyazi ukuba akulunganga ukusetyenziswa ngamadoda afuna ukufezekisa iinjongo zawo zezopolitiko,” utsho uMabandla.

UMabandla uyibona ipolitiki njengethuba lokutshintsha iimpilo zoluntu, kwaye uthi uzimisele ukulidlala eli galelo.

“Mna ndikwipolitiki ukuze ndenze utshintsho kwindawo endingqongileyo. Ndenze izifundo ezoyamene nezopolitiko eThabo Mbeki African Leadership Institute (Unisa) kuba bendifuna ukuziqwalasela ngenye indlela ezopolitiko.” UMabandla uthi amakhosikazi, nokuba kukowuphi umbutho wezopolitiko, kufuneka adlale indima kwiindawo akuzo.

“Le nto yokuba ezopolitiko yindawo yamadoda isikakhulu, kufuneka itshintshiwe ngabantu abangamakhosikazi,” utshilo uMabandla.

Uvale ngelithi ipolitiki sele iyinto yemihla ngemihla, kungoko ubani kumele azibandakanye abenolwazi ngokumngqongileyo.

UMabandla ebethetha kumthandazo wamanina ale zone eMonti ngempelaveki.