Mayilungise ukuhlala iANC’ – ANC YL

UMYALEZO othunyelwe kwiANC ngabavoti baseNelson Mandela Bay ubonakalisa
mhlophe ukuba lo mbutho ufanele ukuba utshintshe kwindlela owenza ngayo izinto,
ngokokutsho kweANC Youth League eMpuma Koloni.
 “Ukuze izihlangule kule meko ikuyo iANC, kufuneka ilungise ukuhlala
kungekudala,” utshilo osisithethi seANC YL eMpuma Koloni uAyongezwa Lungisa.

ULungisa ukuthethe oku emva kwendibano yekomiti embaxa yephondo kwiANC
YL ebibanjelwe eMonti. 
“Ukuphulukana nenkxaso koomasipala abambaxa (metros) yinto ekufanele
ithatyathelwe ingqalelo sisikhokelo seANC. Siyikomiti embaxa yephondo yeANC YL
sibona okukuphulukana nenkxaso njengonozala wolawulo olugwenxa lweenkokeli
zeANC,” utshilo uLungisa